Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Irisithi Engqina Ingxelo YeBhayibhile

Irisithi Engqina Ingxelo YeBhayibhile

Irisithi Engqina Ingxelo YeBhayibhile

◼ Ngeminyaka yee-1870 kwafunyanwa icwecwe lodongwe eliziisentimitha ezi-5,5 ubukhulu kufuphi neBaghdad yale mihla, eIraq. Ngowama-2007, uMichael Jursa, unjingalwazi kwiYunivesithi yaseVienna, eOstriya, walibona eli cwecwe xa wayesenza uphando kwiMyuziyam yaseBritani. UJursa walikhumbula igama likaNebo-sarsechim (uNabu-sharrussu-ukin, ngokwendlela elalibizwa ngayo ngamaBhabhiloni), igosa laseBhabhiloni elikhankanywe eBhayibhileni kuYeremiya 39:3. a

UNebho-Sarsekim wayengomnye wamagosa kaKumkani uNebhukadenetsare, yaye ngokweli cwecwe, wayebizwa ngokuba “lithenwa eliyintloko.” Ngaphezu koko, isibizo esithi ithenwa eliyintloko lalinikwa umntu omnye ngexesha, nto leyo ebonisa ukuba lo Sarsekim obhalwe kweli cwecwe nguye ekuthethwa ngaye eBhayibhileni.

Eli cwecwe libonisa ukuba uNebho-Sarsekim wazisa igolide kwitempile kaMardu, okanye uMerodaki, uthixo waseBhabhiloni, naye okhankanywe eBhayibhileni. (Yeremiya 50:2) Le risithi yabhalwa ngonyaka we-10, kwinyanga ye-11 ngosuku lwesi-18 ngexesha lokulawula kukaNebhukadenetsare. Kodwa ke, ukuziswa kwale golide kwakungenanto yakwenza nokuphangwa kweYerusalem, okwenzeka kwiminyaka emininzi kamva. (2 Kumkani 25:8-10, 13-15) UNjingalwazi uJursa uthi, sekunjalo, “kuyinto engaqhelekanga ukufumana icwecwe elinjengeli, apho sibona umntu okhankanywe eBhayibhileni ehlawula into ethile kwitempile yaseBhabhiloni kuze kubhalwe nomhla ochanileyo.” Iphephandaba laseBritani iTelegraph lithi, eli cwecwe, ekuthiwa yeyona nto ibalulekileyo eye yafunyanwa kwinzululwazi ngezinto zakudala zeBhayibhile kule mihla, “libonisa ukuba iTestamente Endala ichanile.”

Kodwa ke, ukuchana kweBhayibhile akuxhomekekanga kwinzululwazi ngezinto zakudala. Kunokufunyanwa ubungqina obunamandla eBhayibhileni, ingakumbi kwiziprofeto zayo. (2 Petros 1:21) Ngokomzekelo, ngaphezu kweminyaka eli-100 ngaphambili, uYehova uThixo, waprofeta esebenzisa umprofeti uIsaya, esithi bonke ubuncwane baseYerusalem babuza ‘kuthwalelwa eBhabhiloni.’ (Isaya 39:6, 7) Ngokufanayo, esebenzisa umprofeti uYeremiya, uYehova waxela kwangaphambili esithi: “Ndiza kunikela yonke ingqwebo yesi sixeko [iYerusalem] . . . esandleni seentshaba zabo. Kwaye ngokuqinisekileyo baya kubuphanga babuthabathe . . . babuse eBhabhiloni.”—Yeremiya 20:4, 5.

UNebho-Sarsekim wayengomnye wezo ntshaba yaye wazibonela ngokwakhe inzaliseko yeso siprofeto seBhayibhile. Eneneni, enoba wayesazi okanye wayengazi, waba nenxalenye kwinzaliseko yaso.

[Umbhalo osemazantsi]

a KuYeremiya 39:3, INguqulelo Yehlabathi Elitsha ithi: “USamgar-nebho, uSarsekim, uRabhesarisi,” ngokuvumelana nenguqulelo yesiHebhere yamaMasorete. Kodwa kwimibhalo yesiHebhere eyayibhalwe ngoonobumba eli gama linokuguqulelwa ngokuthi: “USamgar, uNebho-sarsekim iRabhesarisi [okanye, iGosa leNkundla Eliyintloko],” iyavumelana noko kubhalwe kumbhalo wamandulo obhalwe amecwecweni.

[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 11]

Copyright The Trustees of the British Museum