Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Izakhiwo Ezigqitywe Ngaphambi KweKhorona

Izakhiwo Ezigqitywe Ngaphambi KweKhorona

NOVEMBA 1, 2020

 Ngenxa yabantu abaninzi ababhaptizwayo qho ngonyaka, kuye kwafuneka izakhiwo ezongezelelekileyo zokukhonza. Ukuze kubekho izakhiwo ezaneleyo, amasebe okwakha asemhlabeni wonke aye azimisela ukwakha okanye ukulungisa izakhiwo zokukhonza ezingaphezu kwe-2 700 kunyaka wenkonzo ka-2020. a

 Ngenxa yeKhorona, izinto khange zihambe ngendlela ebukulindeleke ukuba zihambe ngayo. Ukuze kukhuselwe abazalwana noodade kuze kuthotyelwe nemithetho ebekwe ngurhulumente, iKomiti Yokupapasha yagqiba ukuba kumiswe imisebenzi yokwakha esemhlabeni wonke. Nakuba kunjalo, yathi iqala iKhorona kwabe sele kugqitywe ukwakhiwa nokulungiswa izakhiwo ezingaphezu kwe-1 700 kunyaka wenkonzo ka-2020. Kwakhona, besele kugqitywe nemisebenzi emikhulu eyenziwa kumasebe angaphezu kwe-100. Makhe sithethe ngendlela abazalwana abaye bancedakala ngayo kwizakhiwo ezimbini eziye zagqitywa.

 Isebe LaseCameroon. Isakhiwo sesebe esasiseDouala sasisincici ibe zazininzi izinto ekwakufuneka zilungiswe kuso. IKomiti Yokupapasha yacinga ngokusilungisa kodwa yabona ukuba imali eza kusetyenziswa ekusilungiseni, yayiza kuba ninzi kunemali eyayinokufunyanwa xa sinokuthengiswa. Yacinga nangokwakha isakhiwo esitsha, okanye ithenge ize ilungise esasikho. Kodwa zombini ezi zinto zange zenzeke.

 Kuthe kusenjalo, abazalwana bafumanisa ukuba kumantla eDouala urhulumente uzokwakha indlela kufutshane neHolo yeNdibano yalapho. Le ndlela yayizokwenza ukuba isebe libe nezinto ezinjengamanzi, umbane, nezinye izinto elalizidinga. IQumrhu Elilawulayo lavuma ukuba kwakhiwe isebe elitsha kwiyadi yeHolo yeNdibano.

Abazalwana noodade bancedisa ekwakheni isebe laseCameroon

 Ukuze kusetyenziswe kakuhle imali uze umsebenzi ugqitywe kwangexesha, kwagqitywa ekubeni abazalwana noodade basebenze kunye nabantu abaqeshiweyo. Ngenxa yaloo nto, kwasetyenziswa imali engaphantsi kunaleyo kwakulindelwe isetyenziswe. Kwashiyeka imali engaphezu kwe-R29 405 800. Intsapho yaseBheteli yakwazi ukuba ihlale kwesi sakhiwo ngaphambi kokuba iKhorona iqale.

Isebe laseCameroon liye lagqitywa ukwakhiwa ngaphambi kokuba kuqale iKhorona

 Intsapho yaseBheteli eseCameroon yaye yafumana indawo yokuhlala neyokusebenza ebhetele, yaye ilibona eli sebe litsha njengesipho esivela kuYehova. Omnye umzalwana nonkosikazi wakhe bathi: “Sizimisele ukusebenza ngamandla ethu onke kuba asifuni kusithatha lula esi sipho.”

Abazalwana noodade basebenza kwiiofisi zabo ezintsha ngaphambi kokuba kuqale iKhorona

 IOfisi Yokuguqulela isiTojolabal eMexico. Kangeminyaka emininzi, abaguquleli besiTojolabal bebesebenzela kwiofisi yesebe yaseCentral America ekufutshane neMexico City, kodwa lona ulwimi lwesiTojolabal belithethwa kakhulu eAltamirano naseLas Margaritas eziphantse zibe kumgama oziikhilomitha eziyi-1 000. Ngenxa yale nto, kwakunzima ukuba abaguquleli baguqulele ngesiTojolabal esithethwayo. Kwakunzima nokufumana abantu abakufutshane bokuncedisa ekuguquleleni nasekurekhodeni izinto ezimanyelwayo ngesiTojolabal.

Abazalwana noodade bancedisa ekwakheni iofisi yokuguqulela

 Ngenxa yezi zizathu, iKomiti Yokubhala yeQumrhu Elilawulayo yagqiba ukuba abaguquleleli bolu lwimi bahambe bayokuhlala kwindawo oluthethwa kuyo ulwimi lwesiTojolabal. Ukuze yenzeke le nto nokuze kusetyenziswe kakuhle imali, iofisi yesebe yagqiba ekubeni ithenge ize ilungise isakhiwo endaweni yokuba yakhe esitsha okanye iqeshe iofisi.

 Omnye umguquleli uchaza indlela aye wancedakala ngayo. Uthi: “Kwiminyaka eyi-10 endandisebenza kwiofisi yesebe njengomguquleli, zange ndadibana nomntu omnye lo othetha ulwimi lwam. Ngoku, iofisi yokuguqulela ikule ndawo kanye kuthethwa kuyo ulwimi lwesiTojolabal. Ndidibana nabantu abathetha olu lwimi yonke imihla. Ndifumana amagama amatsha kubo, ibe indlela endiguqulela ngayo ngoku ibhetele kunakuqala.”

Iofisi yesiTojolabal ngaphambi nangasemva kokuba ilungisiwe.

Imisebenzi ezokwenziwa kunyaka wenkonzo ka-2021

 Ukuba iimeko ziyavuma, kunyaka wenkonzo ka-2021 kulungiselelwe ukuba kusetyenzwe kwizakhiwo eziyi-75 eziquka iiofisi zokuguqulela kunye nezikolo zeBhayibhile. Umsebenzi wokulungisa nokwakha owenziwa eRamapo kwikomkhulu eNew York uyaqhubeka, ibe nawo umsebenzi wokufudusa isebe laseArgentina nelaseItaly awumanga. Ukongezelela, kusafuneka iiHolo zoBukumkani eziyi-1 000. Kanti ke, iindawo zokukhonzela ezingaphezu kwe-6 000 azikufanelekeli ukusetyenziswa. Ngoko, kufuneka kwenziwe ezinye. Akuphelelanga apho, iiHolo zoBukumkani ezingaphezu kwe-4 000 kufuneka zilungiswe.

 Imali yokwenza lo msebenzi wokwakha nokulungisa izakhiwo ifumaneka phi? UMzalwana Lazaro Gonzales olilungu leKomiti yeSebe yaseCentral America wawuphendula lo mbuzo xa ethetha ngomsebenzi wokwakha iofisi yokuguqulela isiTojolabal. “Abazalwana abakwintsimi yesebe lethu abathathi ntweni. Ngaphandle kweminikelo yabazalwana abasehlabathini lonke, besingasoze sikwazi ukwakhela abazalwana abalapha iiofisi zokuguqulela. Kwakhona, le minikelo ivela kubazalwana inceda abaguquleli bafudukele kwiindawo ekuthethwa kuzo ulwimi lwabo. Sibulela kakhulu kubazalwana abasemhlabeni wonke ngeminikelo yabo.”Umsebenzi wokwakha uye waphumelela ngenxa yeminikelo yenu ethunyelwa kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke, emininzi kuyo efakwa ngo-donate.jw.org.

a Amasebe Okwakha/Okuyila aye alungiselele aze akhe iiHolo zoBukumkani ezikumasebe awo. ISebe Lokwakha elikwiKomkhulu lilo eligqibayo ngezakhiwo ezimele zakhiwe kuqala.