Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

Indibano Yengingqi Isasazwa NgeTV Nangerediyo

Indibano Yengingqi Isasazwa NgeTV Nangerediyo

AGASTI 1, 2021

 Indibano yengingqi ka-2020 ibibalasele ngenxa yokuba bekuqala kwimbali yethu ukubakho kwendibano erekhodiweyo nefumaneka nge-intanethi. Sekunjalo, eMalawi naseMozambique, abazalwana noodadewethu abaninzi abayibukelanga nge-intanethi indibano. Yenzeka njani loo nto?

 Iikomiti ezimbini zeQumrhu Elilawulayo, eYabanxibelelanisi neYokufundisa, zanika imvume yokuba indibano yengingqi isasazwe ngetv nangerediyo. Kwakutheni ukuze kufuneke le mvume? IMalawi lelinye lamazwe ekubiza kakhulu kulo ukuthenga idata ngoko kunzima ukuba amaNgqina amaninzi ayithenge. UWilliam Chumbi, olilungu leKomiti Yesebe eMalawi uthi: “Ekuphela kwendlela abazalwana noodade ababenokufumana ngayo indibano kukusebenzisa irediyo netv.” ULuka Sibeko naye olilungu leKomiti Yesebe eMalawi uthi: “Ukuba besingasebenzisanga itv nerediyo ngabazalwana abambalwa kwintsimi yesebe lethu ababeza kukwazi ukufumana indibano.” Kanti ke, naseMozambique, bambalwa abazalwana ababenokukwazi ukuthenga izixhobo ze-eletroniki, asisathethi ke ngokuthenga idata.

Ukwenza Amalungiselelo

 Ngenxa yeKhorona, iintlanganiso zebandla besele zisasazwa kwezinye izitishi zetv nezerediyo. a Abazalwana bathetha nabaphathi bezi zitishi ukuze sifumane ixesha elongezelelekileyo lokusasaza indibano.

 Abazalwana bethu baseMalawi baba nengxaki. Amaxesha amaninzi izitishi zosasazo ziye zivume ukuba kusasazwe inkqubo ethatha iyure enye ngexesha. Izitishi ziye zicinge ukuba abantu abazukuba namdla xa inkqubo inde kuneyure. Kodwa abazalwana bethu bacacisa ukuba umsebenzi wethu unceda uluntu ngokubanzi. Baqhubeka besithi nangeli xesha lokuvaleleka ngenxa yeKhorona sinika abantu iindaba ezilungileyo ezisuka eBhayibhileni ezinokubanceda babe ngabahlali abalungileyo baze bonwabe. Emva kokuva oku abalawuli bezitishi basamkela isicelo sexesha elongezelelekileyo.

 EMalawi, indibano yasasazwa kwisitishi setv nakwirediyo. Zozibini ezi zitishi zifumaneka kulo lonke ilizwe yaye zimanyelwa ngabantu abaninzi. Kanti ke eMozambique, indibano yasasazwa kwisitishi esinye setv nakwizitishi zerediyo eziyi-85.

 Kuwo omabini la mazwe kwasetyenziswa i-R402 257 ukuze kusasazwe indibano kwitv. Ukusasaza ngerediyo kona kwabiza phantse i-R285 016. Imali yokusasaza ngerediyo yayisusela kwi-R213 kwisitishi esisasaza kummandla omncinci iyokutsho kwi-R39 574 kwisitishi esisasaza kummandla ofikelela ilizwe lonke.

 Abazalwana basebenza nzima ukuze isetyenziswe kakuhle iminikelo. Ngokomzekelo eMalawi, bakwazi ukufumana izaphulelo kuquka isaphulelo se-30 pesenti. Ezi zaphulelo zenza asayisebenzisa imali engange-R24 383. Ezinye izitishi zaseMozambique, zazikulungele ukuthoba amaxabiso azo ngenxa yokuba saziwa ngokubhatala imali efunekayo nangexesha ebekuvunyelwene ngalo.

Amazwi Ombulelo

 Abazalwana bethu bakuthande kakhulu ukubukela okanye ukumamela indibano kwizitishi zerediyo nezetv. UPatrick ongumdala eMalawi, uthi: “Siyibulela gqitha into esiyenzelwe liQumrhu Elilawulayo ngeli xesha leKhorona.” UIsaac naye osuka eMalawi, uthi: “Asinazo izixhobo ze-intanethi, yiyo le nto siyibulela kakhulu intlangano kaYehova ngeli lungiselelo lokumamela indibano kwirediyo. Ngenxa yalo, yonke intsapho yam iye yakwazi ukufumana indibano. Siyibonile indlela abathanda ngayo abantu bakhe uYehova.”

 Omnye umvakalisi ohlala eMozambique ebeqala ukuya kwindibano kule ka-2020. Uthi: “Ilungiselelo lokubukela indibano kwitv lindikhumbuze ukuba uYehova nguThixo onamandla. IKhorona khange imenze angakwazi ukusinika izinto zokuqinisa ukholo lwethu sihleli ezindlini zethu. Ndiye ndabona ukuba abantu bakaYehova bayathandana. Ndiqinisekile ukuba olu lunqulo lokwenyaniso.

 Umdala ogama linguWyson uthi: “Ndifuna ukubulela ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi ngenxa yokusikhathalela ngeli xesha leKhorona. Abaninzi kuthi abahlala kweli lizwe lihluphekayo abanayo imali yokuthenga idata ngoko ke, eli lungiselelo lokusasaza indibano ngetv nerediyo lisincedile.”

 Ikomiti Yabanxibelelanisi neYokufundisa iye yaphinda yenza ilungiselelo lokuba indibano isasazwe ngetv nangerediyo kwimimandla ethile. Ivelaphi imali yokusasaza indibano ngale ndlela? Kwiminikelo eya kumsebenzi owenziwa emhlabeni wonke, emininzi kuyo eyenziwa ngo-donate.jw.org. Siyanibulela ngeminikelo yenu.

a Ekuqaleni kuka-2020, iKomiti Yabanxibelelanisi yavuma ukuba ngeli xesha leKhorona iintlanganiso zisasazwe ngetv nangerediyo kwiindawo ezithile. Eli lungiselelo lincede abo bangakwaziyo ukungena kwiintlanganiso zebandla okanye ukusebenzisa uJW Stream ngenxa yokuba behlala kwiindawo engangeniyo kuyo i-intanethi okanye kuba ibiza kakhulu. Sekunjalo eli lungiselelo alenzelwanga abantu abahlala kwiindawo ezikwaziyo ukungena kwiintlanganiso zebandla.