Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Iklasi yango-2017 yeSikolo saseGiliyadi

INDLELA ESETYENZISWA NGAYO IMINIKELO YAKHO

ISikolo SaseGiliyadi Sinceda Emhlabeni Wonke

ISikolo SaseGiliyadi Sinceda Emhlabeni Wonke

DISEMBA 1, 2020

 Nyaka ngamnye abazalwana noodade abakwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo, abasemhlabeni wonke bamenywa kwiSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi, esibasePatterson, eNew York. a Kwesi sikolo, abafundi bafundiswa indlela yokuyenza kakuhle imisebenzi yabo kwintlangano kaYehova. Emva koko, batsho bakwazi ukomeleza nokukhuthaza amabandla neeofisi zamasebe emhlabeni wonke.

 Isikolo saseGiliyadi silungiselelwe abakhonzi bakaYehova emhlabeni wonke. Ngokomzekelo, iklasi ye-147, eyayingo-2019, yayinabafundi abayi-56, abasuka kumazwe ayi-29. Abantu abamenywa kwesi sikolo ngabebekwinkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo, ngokomzekelo abasebenza eBheteli, abaveleli beziphaluka, abathunywa bevangeli okanye oovulindlela abakhethekileyo.

 Esi sikolo silungiselelwa kwangaphambi kokuba kuqale ukufundiswa. Ngokomzekelo, iSebe elilungiselela abantu abahambayo elikwiKomkhulu lehlabathi, lithengela abazalwana noodade abamenyiweyo amatikiti okuhamba. Umlinganiselo weendleko zokuya nokubuya zabantu abasuka kwamanye amazwe abebeze kwiklasi ye-147 yaseGiliyadi, ePatterson beziiyi-1,075 yeedola zaseMerika. Abafundi abasuka kwiiSolomon Islands kuye kwafuneka bakhwele iinqwelo moya ezine ukuze bafike ePatterson baze bakhwele ezintathu xa begoduka. Loo mgama ubuziikhilomitha ezingaphezu kwe-35 400! Iindleko zalo lonke olo hambo zibeyi-2 300 yeedola zaseMerika, kumfundi ngamnye. Ukuze longe iindleko, iKomkhulu lehlabathi lisebenzisa i-computer booking tool ukuze lifumane amatikiti ngamaxabiso aphantsi. Nasemva kokuba belifumene itikiti, le nkqubo yekhompyutha iyaqhubeka ikhangela kangangeeveki okanye iinyanga ukuze ibone ukuba akaphindanga ehla na amaxabiso. Isebe elilungiselela abahambayo kwiKomkhulu lehlabathi liye lisebenzise iivoucher ukuze lifumane amatikiti.

 Abafundi abaninzi baye badinge iivisa ukuze bakwazi ukungena eMerika. Isebe Lezomthetho kwiKomkhulu Lehlabathi liye libafumanele iivisa zabafundi. Ukuaplayela ivisa kubiza i-510 yeedola zaseMerika kumfundi ngamnye, ngokomlinganiselo.

 Kunceda ngantoni ukuba neklasi yaseGiliyadi? UHendra Gunawan ngumdala kuMzantsi mpuma weAsia. Ukwibandla elinomzalwana nodade abatshatileyo abapasa kwisikolo saseGiliyadi. Uthi: “Kuqala ibandla lethu lalingenabo oovulindlela abathe ngxi. Kodwa emva kokuba kufike lo mzalwana nodade, nabanye baye bafuna ukuba ngoovulindlela ngenxa yokubona indlela abazimisele nabakhuthele ngayo kumsebenzi wokushumayela. Omnye udade kwibandla lethu, wade waya kwiSikolo Sabavangelli BoBukumkani!”

 USergio Panjaitan usebenza nabantu abapasa kwisikolo saseGiliyadi abeseBheteli kuMzantsi mpuma weAsia. Uthi: “Izinto abazifundisiweyo azincedanga nje bona qha, zinceda nathi. Ininzi into abayifundileyo! Kodwa kunokuba bazibone bebalulekile, basuke bafundisa nathi. Le nto iyasikhuthaza size nathi sikhuthaze abanye.”

 Intlangano izibhatala njani iindleko zesi sikolo? Kusetyenziswa iminikelo yomsebenzi owenziwa ehlabathini lonke, ibe abaninzi bawenza ngokunikela ku-donate.jw.org. Enkosi ngomnikelo wakho owenza kubekho esi sikolo sabazalwana noodade abasuka ehlabathini lonke.

a Izinto eziza kufundiswa kwesi sikolo zilungiselelwa liSebe Lezikolo Zentlangano, elikhokelwa yiKomiti yokufundisa yeQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova. Kufundisa abazalwana abasebenza kweli sebe, abakwamanye amasebe kunye namalungu eQumrhu Elilawulayo.