Anton Petrus/Moment via Getty Images

HLALANI NITHE QWA!

Ngaba Imfazwe Yehlabathi Sele Iza Kwenzeka?—Ithini IBhayibhile?

Ngaba Imfazwe Yehlabathi Sele Iza Kwenzeka?—Ithini IBhayibhile?

 Kwiminyaka eyi-30 edlulileyo, abantu emhlabeni wonke babecinga ukuba izinto zihamba kakuhle, ibe ziya zisiba ngcono. Kodwa izinto ezenzekayo ngoku zibonisa ukuba ayonyani leyo.

  •   “Abantu banexhala lokuba imfazwe yaseGaza iza kufikelela nakwamanye amazwe akufuphi kuba abantu bakwaSirayeli neqela lezepolitiki, i-Hezbollah, baqalise ukulwa kumda weLebanon.”—I-Reuters, ngoJanuwari 6, 2024.

  •   “Amaqela aphantsi kwe-Iran ahlasela kwiindawo ezahlukeneyo, ibe i-Iran iphinde yaqalisa ukwenza izixhobo zenyukliya. Enye into, ngoku iRashiya neTshayina ixhasa i-Iran. Le nto ibonisa ukuba amazwe asentshona asengxakini.”—I-The New York Times, ngoJanuwari 7, 2024.

  •   “IRashiya isaqhubeka isenza umonakalo omkhulu eUkraine.”—I-UN News, ngoJanuwari 11, 2024.

  •   “Umlo unokwenzeka lula ngenxa yokuba iTshayina iya isiba namandla emkhosini, nakwezoqoqosho ime kakuhle. Kanti nelizwe laseTaiwan liya lizithemba. Nemeko iya isiba mbi phakathi kweTshayina neMerika.”—I-The Japan Times, ngoJanuwari 9, 2024.

 Ngaba iBhayibhile iyathetha ngezinto ezingahambi kakuhle emhlabeni esizibonayo namhlanje? Ngaba kuza kubakho imfazwe yehlabathi?

IBhayibhile yazichaza kwangaphambili izinto ezenzekayo

 IBhayibhile ayizange ithethe ngemfazwe ethile esiyibonayo namhlanje. Kodwa yathetha ngeemfazwe ezingalawulekiyo kwixesha lethu ‘neziphelisa uxolo emhlabeni.’—ISityhilelo 6:4.

 Incwadi kaDaniyeli yachaza ukuba “ngexesha lesiphelo,” amagunya wehlabathi akhuphisanayo aza “kulwa,” okanye afune igunya. Loo mfazwe yayiza kuba nemikhosi emikhulu kuze kusetyenziswe “ubutyebi,” okanye imali eninzi.—Daniyeli 11:40, 42, 43.

Imfazwe ezayo

 IBhayibhile ithi izinto ziza kuba mbi ehlabathini ngaphambi kokuba zibe ngcono. UYesu wathi “[kuza] ixesha lentlungu engathethekiyo engazange ibonwe ukususela ekuqaleni kwehlabathi.” (Mateyu 24:21) Loo “ntlungu engathethekiyo” iza kubangela kubekho imfazwe ebizwa ngoku yiArmagedon, ebizwa ngokuba “yimfazwe yemini enkulu kaThixo uSomandla.”—ISityhilelo 16:14, 16.

 IArmagedon ayizokubatshabalalisa abantu, kodwa iza kubasindisa. Ngaloo mfazwe, uThixo uza kuluphelisa ulawulo lwabantu, olubangele iimfazwe ezibulele abantu abaninzi. Ukuze wazi ukuba iArmagedon iza kuluzisa njani uxolo olungapheliyo, funda la manqaku alandelayo: