Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Yintoni Imbandezelo Enkulu?

Yintoni Imbandezelo Enkulu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Imbandezelo enkulu iza kuba lixesha lentlekele engazange yakhona ngaphambili. Ngokutsho kwesiprofeto seBhayibhile, iza kuba khona “ngemihla yokugqibela.” (2 Timoti 3:1; Daniyeli 12:4) Iza kuba ‘yimbandezelo ekungazange kubekho injengayo ukususela ekuqaleni kwendalo awayidalayo uThixo de kwalelo xesha, kwaye ayisayi kubakho kwakhona.’Marko 13:19; Daniyeli 12:1; Mateyu 24:21, 22.

Iziganeko eziza kwenzeka xa kuyimbandezelo enkulu

Iziganeko zasemva kwembandezelo enkulu

  • Ukuvalelwa kukaSathana needemon zakhe. Ingelosi enamandla iza kuphosa uSathana needemon zakhe “enzonzobileni” ibe uya kufana nofileyo. (ISityhilelo 20:1-3) Xa esenzonzobileni, uSathana akayi kukwazi ukwenza nto naphi na, uya kuba ngathi usentolongweni.ISityhilelo 20:7.

  • Ukuqala kolawulo lweminyaka eliwaka. Ulawulo lweminyaka eli-1 000 loBukumkani bukaThixo luza kuqalisa, nto leyo eza kuza neentsikelelo kubantu. (ISityhilelo 5:9, 10; 20:4, 6) Inani elingachazwanga ‘lesihlwele esikhulu’ liza ‘kuphuma embandezelweni enkulu,’ lisindile ukuze libone ukuqala kolawulo lweminyaka eliwaka emhlabeni.ISityhilelo 7:9, 14; INdumiso 37:9-11.

^ isiqe. 5 Kwincwadi yeSityhilelo, unqulo lobuxoki lufanekiselwa yiBhabhiloni Enkulu, ‘ihenyukazi elikhulu.’ (ISityhilelo 17:1, 5) Irhamncwa elimbala ungqombela elitshabalalisa iBhabhiloni Enkulu, limela umbutho onenjongo yokwenza kubekho umanyano nezizwe zehlabathi. Wawubizwa ngokuba luManyano LweZizwe ibe ngoku ubizwa ngokuba ziZizwe Ezimanyeneyo.