Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Indlela Echanileyo Yokugqabaza

Indlela Echanileyo Yokugqabaza

Iimpendulo ezichanileyo ziyalikhuthaza ibandla. (Rom 14:19) Ziyabanceda nabo baphendulayo. (IMi 15:23, 28) Ngoko sifanele sizame ukuphendula nokuba kukanye xa sikwiintlanganiso. Asimele silindele ukuba siza kukhonjwa qho xa siphakamisa. Ngenxa yoko, senza kakuhle xa silungiselela iimpendulo ezininzi.

Impendulo echanileyo . . .

  • ilula, icacile kwaye imfutshane. Inokude ithathe imizuzwana eyi-30 nangaphantsi

  • umntu uyitsho ngamazwi akhe

  • ayikokuphinda into eseyithethiwe ngokungeyomfuneko

Ukuba ukhonjwe kuqala . . .

  • mayibe yimpendulo elula nephendula ngqo umbuzo

Ukuba sele uphendulwe umbuzo, unoku . . .

  • bonisa indlela isibhalo esicatshulweyo esiyicacisa ngayo loo nto kuthethwa ngayo

  • chaza indlela loo nto enokusinceda ngayo ebomini

  • chaza indlela esinokuyisebenzisa ngayo loo nkcazelo ukuze sincede abanye

  • balisa amava amafutshane abalaselisa eyona nto kuthethwa ngayo