Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukubhala Kakuhle Iileta

Ukuphucula Ubuchule Bethu Bokushumayela—Ukubhala Kakuhle Iileta

ISIZATHU SOKUBA KUBALULEKILE: Incwadi yokuqala kwabaseKorinte yenye yeeleta eziyi-14 ezabhalwa ngumpostile uPawulos ukuze akhuthaze amaKristu. Umntu obhala ileta uyakwazi ukuwakhetha kakuhle amagama ibe lo mntu ambhalelayo unokuphinda ayifunde nanini na. Ukubhala iileta yenye yeendlela onokushumayela ngazo kubantu ozalana nabo nakubahlobo. Kunceda ukuba ukwazi nokushumayela kubantu ongafane ubabone. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka wawudibene nomntu onomdla kodwa awufane umfumane endlini. Abanye entsimini basenokungafumaneki kuba behlala kwiindawo ekungangeni noba ngubani na kuzo, ezihlala zitshixiwe okanye ezikude. Ziziphi izinto ofanele uhlale uzicinga, ingakumbi xa ubhalela umntu ongamaziyo?

INDLELA ONOKWENZA NGAYO:

  • Bhala into obunokuyithetha ukuba benijongene naloo mntu. Qala ngokuzazisa uze uchaze isizathu sokumbhalela. Mhlawumbi ungambuza umbuzo anokuba nomdla kuwo uze umchazele nangewebhsayithi yethu. Mchazele ngeOnline Bible Study Lessons okanye ngokufundela kwethu abantu iBhayibhile emakhayeni wabo. Emva koko, umchazele nangomxholo okwenye yeencwadi esizisebenzisayo xa sifundela abantu. Loo leta ungayidibanisa nekhadi likaJW.ORG, isimemo okanye iphecana

  • Ileta yakho mayingabikho nde. Xa inde, lo mntu umbhalelayo unokudikwa yiyo engekayigqibi.​—Jonga indlela yokuyenza le nto kwileta ekwiphepha  8

  • Phinda uyifunde ukuze ulungise iimpazamo, qiniseka ukuba ibhalwe kakuhle ibe ifundeka lula. Xa uyifunda, jonga ukuba uyibhale ngobubele na, awuphoxisi, ibe imnandi. Qiniseka ukuba ufake izitampu ezaneleyo kwimvulophu