Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

IPhulo Elikhethekileyo Lokuqalisa Izifundo ZeBhayibhile NgoSeptemba

IPhulo Elikhethekileyo Lokuqalisa Izifundo ZeBhayibhile NgoSeptemba

Kwinyanga kaSeptemba siza kusebenza nzima sicela izifundo zeBhayibhile kwindlu nganye, sisebenzisa incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Abavakalisi banokukhetha ukuba ngoovulindlela abangabancedani, banokusebenze iiyure eziyi-30. Sinokuncedisa njani kweli phulo likhethekileyo?

  • Kutyelelo Lokuqala: Ukuze wenze umntu abe nomdla sebenzisa imibuzo engasemva kwincwadana, uze uzame ukumbonisa indlela esiqhutywa ngayo isifundo seBhayibhile. Ungabalibali abo baye babonisa umdla kunye namabuyelo. Nokuba zange bavume ukufunda iBhayibhile kuqala, basenokuba nomdla kule ndlela intsha yokufundisa sisebenzisa incwadana. Asimele sishiye ezi ncwadana kwizindlu ezingenabantu okanye sizifake kwiileta eziya kwabo bangazange babonise umdla xa sasishumayela kubo. IKomiti Yenkonzo inokulungiselela ukuba kubekho iingxubusho zentsimi ezongezelelekileyo ebudeni bale nyanga.

  • Ezinye Iindlela: Ukuba ebandleni lakho nisebenzisa iitroli, faka incwadana ethi Phila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade! Xelela abo babonisa umdla ukuba xa befumana le ncwadana banako nokufumana isifundo seBhayibhile mahala. Babonise indlela esiqhutywa ngayo isifundo ngoko nangoko okanye ngelinye ixesha. Umveleli wenkonzo unokulungiselela ukuba abavakalisi abafanelekayo bayokushumayela kwiindawo zamashishini baze bacele izifundo zeBhayibhile. Unokucela isifundo seBhayibhile kubantu ophangela nabo okanye abo udibana nabo xa ushumayela ngokungacwangciswanga.

UYesu wasiyalela ukuba ‘siyokwenza abafundi,’ ‘sibafundise.’ (Mat 28:19, 20) Siyathemba ukuba eli phulo likhethekileyo lingasinceda ukuze injongo yalo iphumelele, sisebenzisa uPhila Ubomi Obumnandi Ngonaphakade!