Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

Funda Indlela UThixo Acinga Ngayo

Funda Indlela UThixo Acinga Ngayo

Sifuna ukuvuyisa uYehova kuyo yonke into esiyenzayo. (IMi 27:11) Ukuze sikwazi ukwenza loo nto, kufuneka senze izigqibo ezihambisana nendlela acinga ngayo nokuba akukho mthetho ungqalileyo. Yintoni enokusinceda senze loo nto?

Yifunde qho iBhayibhile. Qho sifunda iBhayibhile, ibangathi sichitha ixesha noYehova. Singafunda ngendlela uYehova acinga ngayo ngokujonga indlela awayebaphatha ngayo abantu bakhe nemizekelo yabantu ababesenza izinto ezintle nezimbi emehlweni akhe. Xa kufuneka senze izigqibo, umoya oyingcwele ungasinceda sikhumbule imigaqo nezinye izinto ezibalulekileyo esiye sazifunda eBhayibhileni.—Yoh 14:26.

Phanda. Xa kufuneka wenze isigqibo, khawuzibuze, ‘Zeziphi iivesi okanye iindawo eBhayibhileni ezinokundinceda ndazi ukuba uYehova uziva njani ngale nto?’ Thandazela uncedo lukaYehova uze usebenzise nezixhobo zokuphanda ezikhoyo ngolwimi lwakho ukuze zikuncede ufumane uze ukwazi ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile eza kukunceda kuloo meko ukuyo.—Nd 25:4.

BUKELA IVIDIYO ETHI SIMELE “SIBALEKE SINYAMEZELE”—YITYA UKUTYA OKUNESONDLO, UZE UPHENDULE LE MIBUZO:

  • Zeziphi iingxaki ebenazo lo dade usemtsha?

  • Ungazisebenzisa njani izixhobo zokuphanda ukuze umelane neengxaki ezifana nezi?

  • Sincedakala njani xa sisebenzisa ixesha lethu ukuze siphande size sifunde ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo?—Heb 5:13, 14