Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INDLELA YOKUPHILA YAMAKRISTU

“UPawulos Wambulela UThixo Waza Womelela”

“UPawulos Wambulela UThixo Waza Womelela”

Xa ibandla laseRoma leva ukuba uPawulos uyeza, iqela elithile labazalwana lahamba iikhilomitha eziyi-64 limhlangabeza. Wathini uPawulos ngolo thando lwabo? “Akubabona, uPawulos wambulela uThixo waza womelela.” (IZe 28:15) Nangona uPawulos wayesaziwa ngokukhuthaza amabandla awayehamba kuwo, ngoku xa wayelibanjwa, nguye owakhuthazwayo.​—2Ko 13:10.

Kule mihla abaveleli beziphaluka bahambela amabandla ukuze bakhuthaze abazalwana noodade. Ngamany’ amaxesha bakhe badinwe, babe nexhala futhi badimazeke, njengabo bonke abanye abakhonzi bakaThixo. Xa ephinda efika ebandleni lenu umveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe, ungabomeleza njani, ukuze ‘nikhuthazane elukholweni’?​—Rom 1:11, 12.

  • Yiba khona kwintlanganiso yenkonzo yasentsimini. Umveleli wesiphaluka uyakhuthazeka xa ebona abavakalisi bencama yonk’ into ukuze bangaphoswa lutyelelo. (1Te 1:2, 3; 2:20) Awukhe ucinge ngokuba nguvulindlela ongumncedani kwinyanga yotyelelo? Ubokhe ucinge nangokusebenza naye okanye nenkosikazi yakhe entsimini mhlawumbi uye nomnye wabo kwisifundo sakho seBhayibhile. Bayakuthanda ukusebenza nabavakalisi abahlukahlukeneyo, kunye nabo basebatsha okanye abangenabuchule kangako entsimini.

  • Bamkele ngobubele. Awunakubanika indawo yokulala okanye ubaphekele? Le nto ibonisa umveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe ukuba uyabathanda. Abafuni ntw’ inkulu.​—Luk 10:38-42.

  • Lumamele uze ululandele ukhokelo nesiluleko sakhe. Umveleli wesiphaluka uye asibonise indlela esinokuphucula ngayo ekukhonzeni uYehova, loo nto eyenza ngothando. Ngamany’ amaxesha kusenokufuneka asiyale qatha. (1Ko 5:1-5) Uye avuye xa esibona sithobela futhi sihambisana naye.​—Heb 13:17.

  • Babulele. Xelela umveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe indlela abakuncede ngayo. Ungabaxelela xa ubabona okanye ubabhalele.​—Kol 3:15.