Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

UBUTYEBI OBUPHUMA ELIZWINI LIKATHIXO | MATEYU 18-19

Kuphephe Ukukhubeka Nokukhubekisa Abanye

Kuphephe Ukukhubeka Nokukhubekisa Abanye

UYesu wasebenzisa imizekeliso ukufundisa ngobunzulu bokukhubeka okanye ukukhubekisa abanye.

18:6, 7

  • ‘Isikhubekiso’ sithetha ukwenza into embi njengokuziphatha kakubi nokuwela esonweni

  • Umntu okhubekisa omnye kungangcono ukuba agangxwe ilitye lokusila entanyeni yakhe

Ilitye lokusila

18:8, 9

  • UYesu wacebisa abalandeli bakhe ukuba basuse nento exabiseke njengesandla okanye iliso ukuba liyabakhubekisa

  • Kungangcono ukuncama loo nto ixabisekileyo uze ungene eBukumkanini bukaThixo kunokubambelela kuyo uze uphelele eGehena, apho kutshatyalalwa khona ngonaphakade

Yintoni enokundenza ndikhubeke kwaye yintoni endinokuyenza ukuze ndingakhubeki okanye ndikhubekise abanye?