IINCWADANA EZINENKCAZELO YASEHLABATHINI LONKE
AmaNgqina kaYehova awathathi cala kwiipolitiki njengokuba iBhayibhile isitsho. Oorhulumente abaninzi bayabona ukuba ukungathathi cala kwamaNgqina kaYehova kwenza kubekho uxolo. Bayavuma nokuba amaNgqina ngabantu abawuthobelayo umthetho nabasebenzisanayo nabasemagunyeni ibe bayabahlonipha.

