Iincwadana Ezinenkcazelo Yasehlabathini Lonke

 

AmaNgqina KaYehova-Ngoobani?

Funda ukuba amangqina kaYehova enza owuphi umsebenzi ibe alungelelaniswa njani.

AmaNgqina KaYehova Neencwadi Zawo

Iincwadi zamaNgqqina kaYehova eziprintiweyo nezikwiwebhsayithi yawo zinceda abantu basondele kuThixo baze baziqonde kakuhle izinto ezifundiswa yiBhayibhile. Ezi ncwadi ziyabanceda abantu abazifundayo ibe zitshintsha ubomi babo.

AmaNgqina KaYehova Ekuhlaleni

AmaNgqina KaYehova azama ngandlela zonke ukunceda kwiindawo ahlala kuzo ngokufundisa abantu iBhayibhile nangokuzama ukunceda abo badinga uncedo.

AmaNgqina KaYehova Nomsebenzi Wawo Wokushumayela Ebantwini

Enye yezona ndlela zibalulekileyo zokukhonza kumaNgqina kaYehova kukushumayela ngomyalezo oseBhayibhileni weendaba ezilungileyo kubamelwane. Bawenza njani lo msebenzi, ibe ubanceda njani abantu basekuhlaleni lomsebenzi?

AmaNgqina KaYehova Nobomi Bentsapho

AmaNgqina kaYehova azimisela ukusebenzisa amacebiso eBhayibhile kwiintsapho zawo, ibe loo nto inceda umyeni, umfazi nabantwana. Loo nto yenza intsapho izive ikhuselekile, kuze kubekho nothando. Abazali bayibona iyinto ebalulekileyo ukufundisa abantwana babo imiyalelo yeBhayibhile.

AmaNgqina KaYehova-Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza

Iimpendulo zemibuzo eyi-10 abantu abaqhele ukuyibuza ngamaNgqina kaYehova.

AmaNgqina KaYehova Nezonyango

AmaNgqina kaYehova ajonga ubomi njengesipho esixabisekileyo esivela kuThixo. Ubomi negazi zingcwele kuwo. Afuna ezona ndlela zisebenzayo zonyango ukuze kuncedwe iintsapho zawo ibe asebenzisana kakuhle noogqirha ukuze kufunyanwe iindlela ezikhuselekileyo nezincedayo zonyango, ngaphandle kokuthiwa igazi.

AmaNgqina KaYehova Neminye Imisebenzi Yelizwe

Kumazwe ngamazwe sele kunethuba kukho umthetho wokuba abantu banelungelo lokuzikhethela ukuba bangayi emkhosini ngenxa yesazela. AmaNgqina kaYehova avuya kakhulu xa urhulumente ewulandela lo mthetho, ibe ewanika omnye umsebenzi welizwe ongesosohlwayo noza kunceda ekuhlaleni.

AmaNgqina KaYehova Nokungathathi Cala Kwiipolitiki

AmaNgqina kaYehova awathathi cala kwiipolitiki njengokuba iBhayibhile isitsho. Oorhulumente abaninzi bayabona ukuba ukungathathi cala kwamaNgqina kaYehova kwenza kubekho uxolo. Bayavuma nokuba amaNgqina ngabantu abawuthobelayo umthetho nabasebenzisanayo nabasemagunyeni ibe bayabahlonipha.

AmaNgqina KaYehova Nokudibana Kunye Ukuze Akhonze

KumaNgqina kaYehova, kubaluleke kakhulu ukudibana kunye ukuze aqinisane elukholweni. Iintlanganiso zawo zidla ngokuqhutyelwa kwizakhiwo ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani, ibe kuzo kufundiswa ngeBhayibhile. Wonke umntu wamkelekile.

AmaNgqina kaYehova Nendlela Anceda Ngayo Xa Kwehle Intlekele

Xa kwehle intlekele, amaNgqina kaYehova aye ancede abazalwana ngezinto abazidingayo, abathuthuzele aze abancede ngezinto eziqinisa ukholo. Indlela abazenza kakuhle ngayo izinto ibonwa ngurhulumente neminye imibutho yezoncedo.

AmaNgqina KaYehova Nokushumayela Etrongweni

Njengomsebenzi wawo, amaNgqina kaYehova atyelela abantu ezitrongweni ukuze afunde nabo banomdla wokufunda iBhayibhile. Abasemagunyeni namabanjwa bachaza indlela aziva ngayo ngomsebenzi wokufundiswa iBhayibhile ngamaNgqina kaYehova.

Ityala LeSebe LaseTaganrog NeRashiya

Emva kokuba iRashiya ivale umsebenzi wamaNgqina kaYehova, nazi izinto ezimbalwa ngesigwebo seNkundla YaseYurophu Yamalungelo Abantu kwityala lesebe laseTaganrog neRashiya. Le nkundla ithe into eyenziwe yiRashiya ayikho semthethweni.

Ityala LeBayatyan NeArmenia [Enkundleni]

Inkcazelo yento eyenzekileyo kwinkundla yaseYurophu yamalungelo abantu xa ibisenza isigwebo sokuba umntu unelungelo lokungavumi ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe. Loo nto ibonisa ukuba umntu ukhululekile ukuba azikhethele indlela yokukhonza nokwenza ngokuvumelana nesazela sakhe.