DISEMBA 13, 2017
FUNDA INTO ENTSHA

Ngoku Iyafumaneka IBhayibhile Yokufunda YeNguqulelo Yehlabathi Elitsha Kwi-JW Library

Ngoku Iyafumaneka IBhayibhile Yokufunda YeNguqulelo Yehlabathi Elitsha Kwi-JW Library

IBhayibhile yokufunda yeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele efumaneka ngesiNgesi kuphela, ngoku inokudawunlowudwa kwi-JW Library. Ngaphambi kokuba uqalise, qiniseka ukuba uyihlaziyile i-JW Library kwisixhobo sakho. Ukuze udawunlowude iBhayibhile yokufunda, yenza enye yezi zinto zilandelayo:

Indlela 1

  • Kwindawo ethi, What’s New kwi-JW Library, cofa indawo ethi, New World Translation of the Holy Scriptures (Study Edition). Landela nayiphi na imiyalelo oyinikwayo.

Indlela 2 (ukuba iBhayibhile yokufunda ayiveli kwindawo ethi, What’s New)

  • Cofa uphawu lweBhayibhile (kwi-iOS nakwizixhobo zeWindows) okanye ucofe indawo ethi, Bible kwindawo efumaneka kuyo (kwiAndroid).

  • Cofa uphawu lolwimi. Kwizixhobo ezincinane, lisenokufumaneka kwindawo ethile kwisikrini sakho.

  • Cofa indawo ethi, English​—New World Translation (Study Edition). Landela nayiphi na imiyalelo oyinikwayo.

  • Kwezinye izixhobo, kusenokufuneka uphinde uyicofe indawo ethi, English​—New World Translation (Study Edition) ukuze uqalise ukuyisebenzisa.