Uyamenywa

Mkhonze Ngendlela Ayifunayo

Indibano Yengingqi YamaNgqina KaYehova Ka-2025

Khangela Indibano Ekufuphi Nawe

Kungenwa simahla Akuqokelelwa nkongozelo

Izinto ekuza kuthethwa ngazo

NgoLwesihlanu: Kuza kubakho iividiyo eziza kusibonisa ukuba kwakunjani apho wayehlala kwaye eshumayela khona uYesu.

NgoMgqibelo: Xa uYesu waqalisa ukushumayela wayesenza into eyayiprofetwe kumakhulu eminyaka ngaphambili. Jonga ukuba zenzeka njani ezo ziprofeto.

NgeCawa: Kwintetho ethi “Nikhonza Into Eniyaziyo?” funda ukuba kutheni ibalulekile into esiyikholelwayo uze ufunde indlela yokufumana inyaniso.

IDrama YeBhayibhile

IBali Elingobulungiseleli BukaYesu: Ividiyo 2 no-3

Ukubhaptizwa kukaYesu, waba nguMesiya okanye uKristu. Kwiinyanga ezalandelayo walingwa nguMtyholi, waqalisa ukuqokelela abafundi waza wenza nemimangaliso yakhe yokuqala. Zibukele ezi zinto nezinye kwiividiyo eziza kudlalwa kuzo zontathu ezi ntsuku.

Yiya ku-jw.org\xh ukuze ubone ucwangciso olupheleleyo uze ubukele nezi vidiyo zilandelayo:

Kwenziwa Ntoni Kwiindibano Zethu?

Yiva ukuba yintoni onokuyilindela kwindibano yengingqi yamaNgqina kaYehova.

Indibano Yengingqi YamaNgqina KaYehova Ka-2025: “Mkhonze Ngendlela Ayifunayo”

Jonga izinto esiza kuzifunda kwindibano yengingqi yalo nyaka.

Into Esiza Kuyibona Kwidrama YeBhayibhile Ethi: IBali Elingobulungiseleli BukaYesu

UYesu Kristu wachaswa esaqala ukushumayela, echaswa ziintshaba ezingabantu, nguMtyholi naziidemon. Wayeka ke ukuthembeka kuThixo?