Ingxelo Yehlabathi Lonke
Ingxelo Yehlabathi Lonke
◼ IASIA NOMBINDI-MPUMA
Inani lamazwe: 47
Abemi: 3 896 182 946
Inani labavakalisi: 582 360
Inani lezifundo zeBhayibhile: 453 069
EKyrgyzstan: USvetlana onguvulindlela ongumncedani wayesoloko efika kungekho mntu kwelinye ikhaya. Njengoko wayedlula kulo ngenye imini, wathi akukho sizathu sakungena apho kuba akukho mntu kwelo khaya. Sekunjalo, wagqiba kwelokuba angene kwakhona yaye wamangaliswa kukufika kukho intombazana ethile apho. Le ntombazana yakuvuyela gqitha ukubona omnye wamaNgqina kaYehova kuba yayiqhutyelwa isifundo seBhayibhile ngaphambili yaza kamva yaphulukana nabo bazalwana. USvetlana wabuza le ntombazana ukuba ingathanda na ukuwafumana rhoqo amaphephancwadi. Yathi
ingathanda, kodwa yacela kwanokuqhutyelwa isifundo seBhayibhile! Saqaliswa ngoko nangoko isifundo, yaye ngoku le ntombazana iyaya kwiintlanganiso zamaKristu.EJapan: Oodade ababini ababeshumayela kummandla wezoshishino bangena kwiofisi yegqwetha elidume ngokunceda abantu abahlelelekileyo. Bajikiswa ngoko nangoko lelinye ibhinqa elalisithi lixakekile, kodwa lawamkela amaphephancwadi. Aba dade baphinda badibana neli bhinqa lilodwa. Bathe bengekabulisi nokubulisa, ladubuleka ngomsindo lathi: “Kutheni abantwana abangenasono bebulawa? Kutheni ihlabathi likule meko likuyo? Ndifuna inkcazelo echanileyo! Ukuba ninayo impendulo, ndixeleleni!” Bachitha iyure bexubusha ngembambano yolongamo lwendalo iphela, yaye ekugqibeleni eli bhinqa laswabuluka. Lababulela aba dade ngokusebenzisa iBhayibhile ekuphenduleni imibuzo elalicinga ukuba akukho mntu wayenokuyiphendula. Ngaphambi kokuba bahlukane, eli bhinqa lanika aba dade iadresi yendlu yalo kwanenombolo yefowuni, laza lathi: “Ezi nkcukacha ndizinika kuphela abantu endisondele kakhulu kubo, kodwa nina nahlukile. Ndifuna ukuthetha nani kwakhona. Le nto besincokola ngayo ibaluleke gqitha.” Baqalisa isifundo seBhayibhile kunye nalo.
ENepal: Elinye ibhinqa lalineminyaka lihamba icawa, kodwa lalididwa kukubona ukubawa neengxabano zamarhamente ecawa yalo. Nangona umyeni walo wayengumfundisi, kwabakho ukungavisisani ngokuphathelele iminikelo, waza wasuswa kweso sikhundla. Wagqibela ngokuba linxila elingayihoyanga intsapho yalo. Oko kwabangela ukuba eli bhinqa liphande ngenyaniso lize lithandaze imihla ngemihla. Ukuze likwazi ukondla intsapho yalo, laqalisa ukusebenza kwinkampani eyayiqokelela amaphepha alahliweyo. Ngenye imini, ngoxa lalisahlukanisa iincwadi, amaphephancwadi, namaphephandaba, lafumana incwadi ethi Ukumanyana Ekunquleni Okuphela KoThixo Oyinyaniso. Layifihla phakathi kweempahla zalo laza lagoduka nayo. Laliyifunda umhla nezolo loo ncwadi yaye
laqhubeka lithandaza. Ngenye imini kwankqonkqoza ekhayeni lalo udade ogama linguBishnu, onguvulindlela okhethekileyo. Eli bhinqa lasithanda isigidimi sikaBishnu laza lamngenisa ngaphakathi. Kancinane kancinane, eli bhinqa laphawula ukuba oko uBishnu wayelixelela kona kwakufana noko kwakuthethwa yiloo ncwadi. Ekugqibeleni lambonisa uBishnu le ncwadi, yaye lavuya gqitha lakufumanisa ukuba yenye yeencwadi zethu. Ngoku liqhutyelwa isifundo seBhayibhile yaye liya kuzo zonke iintlanganiso zamaKristu kunye nabantwana balo.ESri Lanka: Nangona wayengekabi ngumvakalisi ongabhaptizwanga, uPunchibanda wagqiba ekubeni abelane nabanye ngokungacwangciswanga ngesigidimi soBukumkani. Wathetha nenye indoda eyayingqiba yaza yamchazela ukuba intombi yayo endala yagula kakhulu yaza yafa. Baya kwicawa yoSindiso ngethemba lokuba iza kuphiliswa ngokungummangaliso, kodwa ayizange iphile. UPunchibanda wayichazela ukuba uThixo akaphilisi ngokungummangaliso namhlanje, kodwa izifo ziza kuphiliswa ngaphantsi koBukumkani bukaThixo. Wayinika amaphephancwadi athetha ngaloo mbandela le ndoda ingqibayo. Emva koko, wayimemela kwiHolo yoBukumkani. Yagoduka yaza yaxelela intsapho yayo ngesimemo eso yaza yayibonisa loo maphephancwadi. Umfazi wayo wayixelela ukuba naye wayewafumene amaphephancwadi yaye wayemenyelwe ukuya kwiHolo yoBukumkani. Le ndoda yagqiba kwelokuba iqale ngokuya yodwa kwiHolo yoBukumkani. Abazalwana noodade bayamkela ngobubele. Ngoku yona nomfazi wayo, unyana wayo, neentombi zayo ezimbini baya rhoqo kwiintlanganiso yaye bayakuvuyela ukunxulumana nabantu bakaYehova.
ELebanon: Udade onguvulindlela okhethekileyo oyinzalelwane yakwiiPhilippines uthi: “Ndadibana nebhinqa lakwiiPhilippines xa ndandihambisa amaphephancwadi esitratweni. Ndalityelela emsebenzini ndaza ndaqalisa isifundo seBhayibhile kunye nalo. Lalinemibuzo emininzi; kangangokuba maxa wambi ndandithi ndingekagqibi nokuphendula libe
selibuza omnye umbuzo. Kodwa ekuhambeni kwexesha lachaswa ngabahlobo balo abakhulu ababengamarhamente akhutheleyo ecawa. Ngelishwa lanikezela laza layeka ukufundisisa iBhayibhile, nangona ndalikhuthazayo ukuba linganikezeli. Ndafana ndazixolisa ngokuthi, ‘Ukuba liyimvu, liza kuphinda liqhubeke nesifundo ngenye imini.’ Kwanasemva konyaka ndandisacinga ngalo, ngoko ndagqiba kwelokuba ndilibhalele ndilazise ukuba ndilikhathalele yaye ndingakuvuyela ukulibona kwakhona. Landifowunela, ndaza ndalityelela. Ndaphawula ukuba ngoku lalinomdla ngakumbi kunangaphambili. Lalisazikhumbula izinto esasixubushe ngazo ngaphambili, yaye lalizixabisa ngokunzulu. Landixelela ukuba laliphuma lingena ezicaweni, kodwa akukho nanye eyayifundisa inyaniso. Ngoko saqhubeka nesifundo kwakhona, lada labhaptizwa. Unyana walo oneminyaka eli-12 ubudala ungumvakalisi ongabhaptizwanga.”EIndiya: Omnye udade ubhala athi: “Ngoxa sasishumayela kwindlu ngendlu, sabona enye intombazana eyathi yakusibona yangena endlwini. Emva koko kwathi gqi ndoda ithile eyasigxothayo apho. Njengoko sasihamba, sabona le ntombazana ithetha naloo ndoda. Kamva, njengoko sasilindele ibhasi, le ntombazana yeza kuthi ikhwele ibhayisikile yaza yathi: ‘Ndiyazi ukuba uYehova nguThixo wenyaniso. Ndicela nindifundise iBhayibhile. Ndiye ndangena endlwini ndisiya kucela ukuba ningeniswe, kodwa umninindlu akavumanga.’ Sayibuza ukuba yayisazi njani ukuba uYehova nguThixo wenyaniso. Yathi kwiminyaka emibini edluleyo yayikhwele ibhasi yaza yabona indibano enkulu yamaKristu. Leyo yayiyenye yeendibano zethu zesithili. Yehla ebhasini yaza yaya kuloo ndibano zontathu ezo ntsuku. Ukususela ngoko ibisoloko ilindele ukubona amaNgqina kaYehova efika kowayo. Ngenxa yokubona umdla wayo, sayisa ekhayeni lomnye udade saza saqalisa ukuyiqhubela isifundo seBhayibhile. Yaqalisa ukuya rhoqo kwiintlanganiso ibe yenza inkqubela entle kakhulu ngokomoya.”
◼ IAFRIKA
Inani lamazwe: 56
Inani labemi: 781 767 134
Inani labavakalisi: 1 015 718
Inani lezifundo zeBhayibhile: 1 820 540
EUganda: ULucy liNgqina elisebenza kubhazabhaza wegumbi ekugcinwa kulo amayeza. Emva kokuba kulahleke intywenka yemali kuloo ndawo wayesebenza kuyo, bonke ababesebenza apho bancinwa. Xa kwakufuneka uLucy abeke isandla sakhe eBhayibhileni aze afunge ukuba akanatyala, wayivula kwiMizekeliso 15:3, waza wayifunda ngokuvakalayo esithi: “Amehlo kaYehova akuzo zonke iindawo, ahlala ekhangele ababi nabalungileyo.” Kusathe nzwanga emva koko, owayeyithathile loo mali waphakama waya kuzixela kumphathi. Loo mphathi wathi kwixa elizayo bonke bamele bakhumbule “isibhalo sikaLucy.” Ekuhambeni kwexesha uLucy wanyuselwa umvuzo, kwaza kwathiwa makagcine izitshixo zelo gumbi lamayeza.
EBenin: UJosué uye wanyamezela ukugculelwa esikolweni. Xa engayichananga impendulo kwigumbi lokufunda, abanye afunda nabo babehlekisa ngaye besithi, “Uphazama njani umfundisi kaYehova?” Nabanye babeye bathelele besithi, “Uchitha ixesha elininzi esehl’ esenyuka epheth’ ibrifkheyisi.”
UJosué uthi, “Ndandisoyika nokudibana nabantwana endifunda nabo xa ndisiya entsimini ngeempelaveki.” Wathandaza waza waya kuthetha nomnye umdala owamkhuthaza ukuba angayekeleli kugculelo kodwa makomelele aze andise ixesha lakhe lasentsimini yaye abe nesibindi sokubanika uncwadi abo bantwana afunda nabo. UJosué uthi waphumelela kwiinkalo ezintathu. Uthi: “Ngamathub’ athile ndiba nguvulindlela ongumncedani. Ngoku ndiqhubela abantwana ababini endifunda nabo nababedla ngokundigculela isifundo seBhayibhile. Ndiye ndaphucula kakhulu nasesikolweni.”
E-Ethiopia: Kwiminyaka emibini edluleyo, uAsnakech wachola iphepha-mvume lokuqhuba waza waya kulinika umnini walo, ibhinqa eligama linguElsa. Eli bhinqa lalingawuvali umlomo kukunyaniseka kuka-Asnakech laza lambulela ngemadlana ethile. UAsnakech akazange ayithathe loo mali, kunoko wanika uElsa incwadana enemifanekiso ethi, Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Ngosuku olulandelayo uElsa waqalisa ukufunda iBhayibhile. Wathi akaqali ukuliva eli gama lithi Yehova, waliva kuyise ongumfundisi. Intsapho yakhe yaya endibanweni yesithili xa iyonke yaye ukubuya kwayo, nomyeni wakhe waqalisa ukufundelwa iBhayibhile. Noko ke, wathi akukuva oko uyise ka-Elsa owayengumfundisi, walugcwabevu ngumsindo, esithi amaNgqina kaYehova ngoongantweni nje. Engazimiselanga kuyeka ukufunda, ngembeko uElsa waxelela uyise ukuba amaNgqina awakho njengokuba ewachaza. Ethe nyoxo, uyise ka-Elsa wathabatha incwadana enemifanekiso ethi Okufunwa NguThixo entombini yakhe. Wayifunda eyiphindaphinda
ibe yayibangela umdla kakhulu. Emva koko, xa ebeka abantu izandla, wayengasakwenzi oko egameni likaBathathu Emnye. Kungekudala kwathiwa ‘ungumwexuki,’ ibe abanye babemfun’ esiqwini. Ekugqibeleni, wafudukela eAddis Ababa, apho wafika waqhutyelwa isifundo seBhayibhile. UElsa uye wabhaptizwa kunye nabasixhenxe kwintsapho yakowabo. Umyeni wakhe kunye nomntwana wabo benza inkqubela entle kakhulu.ECôte d’Ivoire: UAnderson washiyela omnye unovenkile owayeyifunda rhoqo iBhayibhile incwadana enemifanekiso ethi Yintoni UThixo Ayifunayo Kuthi? Kungekudala waqalisa ukumqhubela isifundo seBhayibhile. Le ndoda yayinomdla ngokukhethekileyo kumxholo othi “Ubomi Bentsapho Obumkholisayo UThixo.” Yathi: “Bendingazi ukuba mntu ngamnye kumaqabane omtshato unendima yakhe. Xa ndifike kade ekhaya, bendiye ndingafuni nokuba athethe umfazi wam. Bendiye ndithi, ‘Ndiyindoda mna, ndingaya naphi na apho ndifuna ukuya khona; wena ungumfazi int’ oyiyo, umsebenzi wakho kukugcina umzi.’ Ngoku ndiphuma emsebenzini ndingqale ngqo ekhaya, ndifike ndincedise umfazi wam kwimisebenzi yasekhaya.”
EKenya: Omnye umntwana oneminyaka esixhenxe ubudala nowayekwibanga labasaqalayo weva ukuba kuza kubakho utyelelo. Kwisithuba esingangeveki ngaphambi kotyelelo, waya kwinqununu yesikolo sakhe waza wacela imvume yokuba aphume phakathi esikolweni ngoLwesibini ukuze aye ezintlanganisweni ezaziza kuqhutywa emva kwemini. Inqununu yavuma. Noko ke, ngosuku olulandelayo le nkwenkwana kwathiwa mayigoduke ize ibuye nabazali kunye nolo ndwendwe lulindelweyo. Ngeveki yotyelelo, umveleli wesiphaluka waya esikolweni sale nkwenkwana ehamba noyise wenkwenkwana. Inqununu ayizange iwakholelwe amehlo ayo xa ibona kufika olo ndwendwe luhambe umgama ongaphezu kweyure lunyuk’ iminqantsa. Yathabatha uncwadi yaye ukususela ngoko iye yanobubele nentsebenziswano.
EMalawi: Omnye umzalwana wayesoloko ephathwa kakubi yindoda ekhwele ibhayisikile ngoxa esentsimini. Yayisithi xa imbona eshumayela, imise ize iqalise impikiswano. Yakha yafuna nokuthabath’ iBhayibhile yalo mzalwana. Ngenye imini le ndoda yadlula apho wayeqhuba isifundo khona lo mzalwana. Izama ukulungisa okuthile ebhayisikileni yayo, yabambeka kwintsimbi yevili langaphambili lebhayisikile, yaza iminwe yenzakala kakhulu. Okuphela komntu owayincedayo kwabo bayibonayo ngoxa yayigcuma ziintlungu ngulo mzalwana. Wayibopha loo minwe, wazama ukuba isiwe esibhedlele. Emva koko, umzalwana wayityelela ekhayeni layo. Ingazi nalapho ingazifihla khona ziintloni, yathi zonke izinto eyayizenza yayingazenzi ngakuthanda, kodwa yayibangelwa zizinto ezingekhoyo eyayiziva zithethwa. Yathi: “Inene nina ninqula okuphela koThixo oyinyaniso. Bendingalindelanga ukuba ube nobubele obungaka kum emva kwezinto ezibuhlungu endikwenze zona.”
ECameroon: Udade oselula wayehleli kwigumbi lokulinda lasesibhedlele elalizele kungekho nendawo le yokuhlala. Kusenjalo kwangena enye indoda ekhulileyo neyayigula. Le ndoda kwanyanzeleka ukuba ime ngeenyawo kuba kwakungekho ndawo yokuhlala. Lo dade ukhumbula oku: “Ndaba nosizi, ndaphakama kwisitulo endandihleli kuso. Kwambombozela wonke umntu kwelo gumbi kuba ukusuka kwam kwakuthetha ukuba ndiza kungena mva kugqirha. Ndisajonge leyo kweza elinye inenekazi, landibuza icawa endikuyo. Ndalixelela ukuba ndiliNgqina likaYehova. Landincoma lisithi bambalwa kakhulu abantu abaselula abebenokuphakamela umntu omdala esitulweni. Ndaxhakamfula elo thuba ndashumayeza lona nabanye ndaza ndabanika amaphecana endandiwaphethe. Ndaphendula intlaninge yemibuzo ababeyibuza. Abanye bayitshintsha indlela abebewajonga ngayo amaNgqina kaYehova yaye ngoku babenqwenela ukuba afike emakhayeni abo.”
ETogo: Ngoxa babekumhlaba okwanti, abanye abazalwana
badibana nomfana owavuya kakhulu akubabona. Wababonisa iincwadi ezimbini awayekhuphele kuzo incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni nenxalenye yethi “Make Sure of All Things.” Ezi ncwadi wazibona emzini womnye umfundisi awayekhe wahlala kwakhe ixesha elide. Lo mfundisi wayenamathala amabini eencwadi, elinye ileleencwadi zakhe ezibalulekileyo ukanti elinye lihlala iincwadi “ezingenamsebenzi.” Lo mfana wazifumana kweli lezi zingenamsebenzi ezi ncwadi zethu. Emva kokuba efunde amaphepha nje ambalwa kwenye yazo, wachukumiseka sisigidimi esiquletheyo. Ekubeni wayengenakuyithatha yaye engazi nalapho anokuyifumana khona enye, wayikhuphela ngesandla. Waqalisa ukuxelela abanye ngezinto azifundileyo, yaye ngenxa yoko wachaswa ngunina nomfundisi. Abazalwana bamshiyela uncwadi yaye sithetha nje bayamnceda ukuba enze inkqubela ngokomoya.EMzantsi Afrika: Elinye iNgqina eligama linguThandi lacelwa ngumqeshi walo ukuba lithethe nebhinqa elalisebenza nalo eligama linguBella nelalineengxaki zomtshato. Umyeni kaBella olipolisa wayemxhaphaza, ngoko uBella wayegqibe kwelokuba aqhawule umtshato. UThandi wamnika imibhalo emibini yencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho waza wamcela ukuba enye ayinike umyeni wakhe. Kwisithuba esingangeveki kamva, xa uThandi wayencokola naye wafumanisa ukuba umyeni kaBella uyayifunda le ncwadi ibe bahlelisene ngoxolo. Emva kweenyanga ezintathu, uBella waxelela uThandi ukuba ngenxa yomthandazo kunye nencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho, uThixo uwusindisile umtshato wakhe. Umqeshi kaBella wathi akukuva oku wacebisa ukuba bonke abasebenzi bakhe abangama-2 000 bazifumanele le ncwadi. Ukuza kuthi ga ngoku, uThandi sele ehambise imibhalo engama-96 yencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho kwabo asebenza nabo. Inkampani asebenza kuyo yanikela kumsebenzi wamaNgqina kaYehova owenziwa ehlabathini lonke.
◼ AMAZWE ASEMERIKA
Inani lamazwe: 56
Abemi: 879 073 403
Inani labavakalisi: 3 199 835
Inani lezifundo zeBhayibhile: 3 022 276
EVenezuela: Enye intsapho yamaNgqina yayisanda kunikwa inombolo entsha yefowuni ekhayeni layo. Ngempazamo amagcisa efowuni abhidanisa iminxeba, yaza le ntsapho yafumana iminxeba yabantu ababefuna isikhululo sikamabonwakude sasekuhlaleni ukuze bathethe nomntu ovumisa ngeenkwenkwezi. Le ntsapho yagqiba ekubeni ilisebenzise ngokunengenelo elo thuba. Ngoncedo lwencwadi Ukuqiqa NgeZibhalo, yalungiselela intshumayelo emfutshane yeBhayibhile eyayiza kuyisebenzisa kwabo babefowuna. Oyena wayephumelela koku nguGraciela, umama wale ntsapho. Ngenye imini
omnye wafowuna wathi: “Molo. Ngaba unguthixokazi weenkwenkwezi?”“Molo. NdinguGraciela igama, wena ungubani?”
“Mna ndinguCarmen.”
“Khawutsho Carmen, yintoni ebangela ukuba ufune ukuthetha nothixokazi weenkwenkwezi? Ngaba ufuna uncedo okanye icebiso?”
UCarmen waqhabalaka wachazela lo dade ngengxaki awayenayo. Ngobubele uGraciela wachazela uCarmen apho sinokufumana khona awona macebiso afanelekileyo, waza wamfundela iZibhalo ezimbalwa. Emva koko wambuza wathi, “Akucingi na ukuba sifanele sibhenele kuMdali wethu xa sifuna ulwalathiso oluchanileyo?” UCarmen wachaza ukuba wayekhe waqhutyelwa isifundo ngamaNgqina kaYehova ngaphambili, ngoko benza amalungiselelo okuba afundelwe kwakhona. Ngale ndlela, uGraciela wathetha nabantu abaninzi ababefuna uncedo maxa wambi wayenikela ubungqina ebakhuthaza ukuba bawaphulaphule amaNgqina xa eze kwimizi yabo ebamemela nakwiHolo YoBukumkani ekufuphi.
EKholombiya: NgoMatshi 2005 kwabiwa imoto yodade waseCali. Yafunyanwa emva kweentsuku ezimbalwa. Yena nomyeni wakhe ongakholwayo bahlala kuloo moto belindele amapolisa, kodwa athi akungafiki bagqiba kwelokuba bathathe imoto bahambe. Noko ke, ekubeni loo moto yayisetyenziselwe ulwaphulo-mthetho, bamiswa ngamapolisa, babanjwa baza bafakwa entolongweni. Wathi efika nje entolongweni lo dade waqalisa ukushumayela, yaye kwixeshana nje elingephi waqalisa izifundo zeBhayibhile eziliqela. Omnye wezo zifundo wakhululwa kodwa wacela ukuba lo dade aqhubeke nesifundo akuba naye ekhululwe. Yaye waxelela indoda awayehlalisana nayo ukuba wayefuna batshate ukuze bakholise uThixo.
Nangona kwakungelothuba lide lo dade ethandazile ecela ukuba afumane ixesha elingakumbi lokushumayela, akazange ayicinge into yokuba angaze alifumane entolongweni!
Wathenjiswa ukukhululwa msinyane entolongweni, kodwa akazange avume kuba wayefuna ukuqhubeka eshumayela yaye wayeziva ekhuselwe nguYehova. Emva kokuchitha iintsuku ezingama-45 entolongweni, yena nomyeni wakhe bakhululwa. Uthi ukuba lapho kwalomeleza ukholo lwakhe. Ebudeni belo xesha, umyeni wakhe watyelelwa waza wancedwa ngabazalwana. Nakuba kwakudlule iminyaka engama-20 kungekho nkqubela ayenzayo ngokomoya, kodwa ngesi sihlandlo waqalisa ukuya kwiintlanganiso yaye wacela ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Ngoku lo dade utyelela rhoqo kuloo ntolongo esiya kuqhuba izifundo zeBhayibhile ezine kunye namanye amabanjwa angamabhinqa. Uyambulela uYehova ngokuphendula imithandazo yakhe nangokumsikelela ngeendlela ezininzi kangako.EBrazil: URenildo oyimfama wayesaziwa ngokungqiba kwiindawo zoshishino kwidolophu yakowabo nakwizixeko ezikufuphi, de kwaba sekuyekeni kwakhe kwiminyaka emibini edluleyo. Nangona wayengqiba ngenjongo yokongeza kwinkam-nkam, wayengenisa imali eninzi, kangangokuba wada wathenga imoto nendlu enefanitshala, nokutya okuninzi okwakungenakuthengwa ngabantu abaqhelekileyo kwindawo yabantu abahlwempuzekileyo awayehlala kuyo. Ukufundisisa kwakhe iBhayibhile namaNgqina kaYehova kwamenza waba nembono yokomoya ngobomi, nto leyo eyamnceda wenza isigqibo senkalipho. Emva kokuxoxa nomfazi wakhe nabantwana bakhe abathathu ngoko banokukwenza njengentsapho ukuze bakwazi ukuphila ngemadlana encinane, uRenildo wayeka ukungqiba. Ngokukhawuleza yena nentsapho yakhe benza inkqubela ngokomoya baza babhaptizwa kwindibano yesithili. Ngoku uRenildo waziwa, kungekhona njengomngqibi, kodwa njengomvakalisi weendaba ezilungileyo onenzondelelo, yaye uchitha iiyure ezimalunga nama-40 ngenyanga kwinkonzo yasentsimini.
E-Ecuador: Omnye uvulindlela wayenika rhoqo umnini-venkile yokutyela amaphephancwadi esiTshayina. Le ndoda yatyelelwa ngumhlobo wayo naye owayenevenkile yokutyela. Lo mhlobo wawabona loo maphephancwadi waza wawafunda.
Waba nomdla omkhulu kangangokuba wabhalela kwisebe laseHong Kong ecela amaphephancwadi angakumbi neBhayibhile, kwanencwadi ethi Sondela KuYehova. Wacela nesifundo seBhayibhile. Isebe laseHong Kong laqhagamshelana nelase-Ecuador, yaye ngokukhawuleza oovulindlela bayityelela loo ndoda inomdla bephethe ezo ncwadi yayizicelile. Baphinda babuyela kuyo emva kweentsuku ezine. Ngaba yayizifundile ezo ncwadi? Yathi: “Ndifunde ukususela kwiGenesis yaye ngoku ndikwincwadi kaHezekile, kodwa ndinemibuzo embalwa. Kutheni uYehova enobubele kangaka nje ebantwini? Yonk’ into yeyakhe, ngoko kutheni eziduba kangaka nje ngokunceda uluntu? Yintoni angenelwa yiyo ngokunceda abantu?” Baqalisa isifundo seBhayibhile kunye nayo, ibe ngoko nangoko yaqalisa ukuya ezintlanganisweni. Yayeka ukutshaya nokungcakaza. Yaye ngeentsuku zeentlanganiso iyivala ngaphambi kwexesha ivenkile yayo ukuze iye ezintlanganisweni. Ngoku le ndoda sele ilungele ukuba ngumvakalisi ongabhaptizwanga, yaye ifundisa abazalwana basekuhlaleni isiTshayina ukuze bakwazi ukunceda abantu abathetha isiTshayina kwelo lizwe.EHonduras: EGuatemala ngoJanuwari 2005, udade ogama linguFlor washumayela ngokungacwangciswanga kuSebastián owayeneminyaka eli-15 ubudala nowayengumdlali oliqhula wasesekisini. Wabonisa umdla kodwa wayengenaxesha lakuthetha. Ngenye imini wathi ephezulu ententeni wawa bhaxa phantsi, waza wayeka ukudlala okwethutyana. Ngoko waba nexesha elininzi lokucinga ngezinto zokomoya. UFlor wayemtyelela mihla le ukuze aphendule imibuzo yakhe emininzi. Kungekudala, unina uDoris owayedlala indima yokuhamba phezu kwentambo, naye wabonisa umdla, waza uFlor wamqhubela isifundo seBhayibhile. UDalila owayengumdlali kajingi, noSofía ongumdanisi nowayekhe wafundisisa namaNgqina ngaphambili, nabo bathelela kunye neentombi zabo ekuqhutyelweni izifundo. Ngoko elo qela landa laba ngabantu abasixhenxe. UFlor wayebaqhubela izifundo bonke izihlandlo ezihlanu ukusa kwezisixhenxe ngeveki kangangeenyanga ezimbini.
Xa kwafika ixesha lokuba loo sekisi ifuduselwe eHonduras, uFlor wabakhuthaza ukuba bakhangele amaNgqina kwiidolophu ababesiya kuzo ukuze baqhubeke nesifundo nokuya ezintlanganisweni. Ekufikeni kwabo kwidolophu yaseCopán, baqhubeka nesifundo seBhayibhile esasiqhutywa ngoovulindlela abakhethekileyo balapho. Xa bafudukela kwidolophu yaseGracias, isifundo saqhutywa ngomnye uvulindlela okhethekileyo. Xa kwafika ixesha lokuba bafudukele kwidolophu yaseSanta Rosa de Copán, esinye isibini esingabavangeli basemazweni apho safumana umnxeba owawusicela ukuba sibaqhubele isifundo kangangeeveki ezintathu ababezakube belapho ngazo.
Sisifundo esikhethekileyo kuba kuhlanganisana abantu abasixhenxe ukusa kwabalishumi kubhazabhaza wentente yesekisi. Bafunda kabini ngeveki yaye balungiselela kakuhle, kuquka nentombazana engoyena mncinane, egama linguJulietta oneminyaka esithoba ubudala, nongumdlali kajingi. Xa elo qela liye ezintlanganisweni, kuye kufuneke limke ngoko nangoko emva kwazo ukuze liye kutshintsha kwangethuba lilungele ukudlala esekisini. Kodwa lenza umgudu ngomoya ovumayo.
◼ IOCEANIA
Inani lamazwe: 30
Inani labemi: 35 237 787
Inani labavakalisi: 93 961
Inani lezifundo zeBhayibhile: 47 864
ENew Zealand: Omnye udade oselula ogama linguCecilia wayefunda incwadana enemifanekiso esekelwe eBhayibhileni ngexesha lesidlo sasemini yaye omnye umntu asebenza naye wambuza oko kuqulethwe yile ncwadana. Ngoxa uCecilia wayechaza, kwakuphulaphule abantu abali-15, kuquka umphathi wenkampani owathi kamva wabizela uCecilia eofisini yakhe. Wamxelela ukuba uyithandile inkcazelo yoko kuqulethwe yile ncwadana. Waxelela nabasebenzi ukuba igumbi ekudlelwa kulo isidlo sasemini liza kusetyenziselwa iingxubusho zeBhayibhile yaye ixesha likaCecilia lekhefu landiswa, endaweni yemizuzu
engama-30 wanikwa imizuzu engama-60 ukuze afumane ithuba lokutya nelokuxubusha ngeBhayibhile. Kangangeeveki ezine, abantu ababesiza kwezi ngxubusho babesiba si-9 ukusa kwi-15. Amabhinqa amabini ngoku afundisisa iBhayibhile rhoqo, enza inkqubela entle yaye anikela ubungqina kumalungu eentsapho zawo nakubahlobo bawo.ETuvalu: UPeteli, gama elo ngesiXhosa lithetha ukuthi “Bheteli,” yintwazana ene-14 leminyaka ubudala yaye usisithulu. Izalamane zakhe zingamaNgqina kaYehova, ngoko wayedla ngokuya kwezinye iintlanganiso kodwa angangenelwa kangako ngenxa yokuba usisithulu yaye akakwazi kufunda. UPeteli wafunda ukuphulaphula ngokujonga imilebe yabantu xa bethetha. Mvanje, uDale, ongumvangeli wasemazweni, uye waqalisa ukufundisisa naye esebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! UDale wayefundisa uPeteli iBhayibhile ngemifanekiso yaye wayemfundisa nokulesa ngale ncwadi. Kwakunzima kakhulu kuba uDale wayengumvangeli wasemazweni osemtsha esazama nokufunda ulwimi olutsha yaye uPeteli wayefuna ukufundiswa indlela yokuwabiza kakuhle amagama. UPeteli uzimisele yaye uyazibhokoxa ekufundeni. Emva kweenyanga nje ezintathu, waqalisa ukulesa. Ulungiselela amagqabaza aza kuwanikela kwiintlanganiso kunye nalo dade umqhubela isifundo. UPeteli uqhelisela iimpendulo zakhe kwangaphambili aze aphendule ngeqhayiya kwiintlanganiso. Uhlala ngaphambili kwiHolo YoBukumkani ukuze akwazi ukubona kakuhle imilebe yesithethi. UDale uthi: “UPeteli umgqala njengomhlobo wokwenene uYehova yaye uthi gwantyi iinyembezi xa kuthethwa ngexesha laxa kuya ‘kuvulwa iindlebe zezithulu.’”—Isaya 35:5.
ESamoa: Omnye udade onguvulindlela ogama linguElena wayeqhubela elinye ibhinqa elingumWesile isifundo seBhayibhile yaye eli bhinqa lalingummelwane womfundisi. Isifundo sasiqhutyelwa kwigumbi elivulekileyo apho umfundisi wayekwazi ukubona konke okuqhubekayo. Ngenye imini, wagaleleka umfundisi besafunda. Eli bhinqa liqhutyelwa isifundo seBhayibhile lambuza ukuba uze kufuna ntoni. Umfundisi waphendula wathi: “Ndikhangela intshontsho lam lehagu. Sele kuza kuphela inyanga lilahlekile.” Emva koko wathi kuElena, “Ucinga ukuba yintoni ebalekise intshontsho lam lehagu?” Ecinga ukuba uthetha ngentshontsho lehagu lokoqobo, uElena wathi ucinga ukuba libalekiswe kukutyiswa intw’ enye lonk’ ixesha. Wacebisa ukuba akhe azame ukulipha okunye ukutya. UElena wothuswa kukuba umfundisi alathe umfundi weBhayibhile aze athi, “Nali intshontsho lam lehagu!” Emva koko wathi: “Ulibile. Kuza kufuneka usiyeke ngoku esi sifundo, ungaze uphinde ufunde neli bhinqa.” (Kwiilali zaseSamoa abefundisi beCawa banempembelelo enkulu.) Eli bhinqa laqalisa ukugixa. UElena wazama ukulithuthuzela waza walichazela ukuba iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba abantu abafunda iBhayibhile babeya kuphathwa ngale ndlela.
UElena watshintsha usuku, ixesha nendawo ababefundela kuyo. Uthi: “Kunokuba sifundele kwigumbi elivulekileyo elingaphambili kwizindlu zazeSamoa, safundela kwigumbi elincinane elingasemva. Eli gumbi lalitshisa kakhulu kodwa ke isifundo sasiqhubeka. Safundela kweli gumbi kangangeenyanga ezimbini. Ngenye imini emva komthandazo wokuvula, wagaleleka umfundisi, efika singamlindelanga. Ndandicinga ukuba uze kuthi masiyeke ukufunda kodwa umfundisi wayetshintshile.”
Wahlala phantsi waphulaphula ebuza nemibuzo. Emva kwesifundo, wathi kwibhinqa eliqhutyelwa isifundo: “Kukho into endifuna ukukuxelela yona. Izolo ebusuku besiye edolophini, sathi xa sibuya sonakalelwa yimoto kufuphi nenye ilali. Siye sancediswa sesinye isibini esitshatileyo nomnye umfana
ukulungisa imoto. Ithe yakungalungi, bathi masiyishiye emzini wabo baza basigodusa ngemoto yabo. Ndithe xa ndingena emotweni yabo, ndabona iiMboniselo nezinye iincwadi. Ndiye ndacinga ukuba kusenokwenzeka ukuba aba bantu bahamba icawa enye neli bhinqa lidla ngokukutyelela.”Eli bhinqa laphendula lathi: “Kakade, unyanisile. Ngabantwana bakaElena abo.” Wacela uxolo waza wathi: “Qhubeka ufunda. Ngoku ndiyazi ukuba amaNgqina kaYehova ngabantu abalunge kakhulu nabanothando. Ngxe ngento endiye ndayithetha. Isifundo esifana nesi sinokunceda amarhamente am aguqule isimo sawo sengqondo.” Ukususela ngaloo mini, bayeka ukufundela kwigumbi elincinane, elitshisayo elingasemva, babuyela kwigumbi elingaphambili elivulekileyo nelibetha umoya yaye umfundisi wayebabona xa befunda kodwa akazange aphinde abaphazamise.
ESaipan: Elinye ibhinqa elihlala kwesi siqithi, eligama linguHelen lachukunyiswa gqitha yinyaniso ephathelele uBukumkani bukaThixo. Lalifunda iBhayibhile nomnye umvangeli wasemazweni yaye lalifuna ukubonisa uxabiso elinalo ngezinto elalizifunda. Ngenye imini xa begqiba kufunda, uHelen wanika umvangeli wasemazweni ibhegi encinane eyenziwe ngelaphu waza wathi, “Andinanto ingako ndinokukunika yona kodwa ndithanda ukukunika lo mnikelo wokuxhasa umsebenzi wokushumayela.” Ngaphakathi kuloo bhegi kwakukho iperile entle uHelen awayeyifumene kwisiqithi sasePohnpei awazalelwa kuso. UHelen wacebisa ukuba loo perile ithengiswe ukuze kufumaneke imali yomnikelo. Le perile yayiyeyexabiso eliphakamileyo yaye umnini-venkile ethengisa amatye axabisekileyo wayithenga ngee-R680. Loo mali yanikwa uHelen ukuze akhuphe imali angathanda ukunikela ngayo kodwa wayiphindisa waza wathi, “Yifake yonke kwibhokisi yomnikelo.” Yintoni eyamshukumisela ukuba abe nesisa kangaka? Njengakumzekeliso kaYesu, uHelen wayefumene iperile yexabiso eliphakamileyo, ithemba loBukumkani.—Mat. 13:45, 46.
◼ IYUROPHU
Inani lamazwe: 46
Inani labemi: 731 536 437
Inani labavakalisi: 1 498 142
Inani lezifundo zeBhayibhile: 717 797
EBelarus: UPavel noMayya, isibini esitshatileyo esingoovulindlela abakhethekileyo sasisesikolweni soovulindlela. Ngolunye urhatya sagqiba kwelokuba khe sihambahambe nje, singayi kushumayela. Nakuba kunjalo, sahamba nencwadana ethi Good News for People of All Nations. Sabona abantu ababini abavela kwelinye ilizwe saza sabashumayeza. Safumanisa ukuba la madoda mabini avela ePakistan yaye athetha isiUrdu. Esi sibini sakhupha loo ncwadi sasiyiphethe saza sawanika ukuba afunde. Omnye wala
madoda waba nomdla waza wavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile. Kwangaloo veki weza ezintlanganisweni. Kuye kwamkhuthaza ngokwenene ukunxulumana nabantu bakaYehova kangangokuba uthi, “Ndineminyaka mithathu ndiseMinsk, kodwa ndiyaqala ukudibana namaKristu okwenyaniso.” Le ndoda ayikayeki ukufunda iBhayibhile.EBritani: Umdala ogama linguRichard akaboni yaye unenja emkhokelayo egama linguIrvin. Umsebenzi wendlu ngendlu unzima kule nja kuba yayiqeqeshelwe ukuba ikhumbule yonke indawo aya kuyo uRichard. URichard wachazela abo babemnike le nja ngale ngxaki, yaye bamxelela ukuba lo msebenzi wendlu ngendlu unzima kakhulu kuIrvin. Bamcebisa ukuba ashumayele kwintsimi yamashishini, indawo aza kuyazi lula uIrvin xa ebuyela. URichard wayebona ngathi kunzima ukushumayela kwintsimi yamashishini, kodwa uIrvin wamnceda wanobuchule bokushumayela kule ntsimi.
EHungary: Omnye umveleli wesiphaluka ubhala enjenje: “NgoMeyi 2004, ngoxa sasisentsimini nomnye umvakalisi sadibana nendoda egama linguCsaba isebenza esitiyeni. Yathi ililungu lebhunga lecawa. Sancokola nayo imizuzwana nje embalwa saza sayishiya. Emva kweentsuku ezimbini sayiphathela incwadi Ulwazi saza saqalisa isifundo seBhayibhile. Xa sihamba yasixelela ukuba isitovu sayo sinengxaki. Ndathi ukho umzalwana endimaziyo olichule ekulungiseni izinto ezinjalo, ngoko ndiza kumnika inombolo kaCsaba yefowuni. Xa abazalwana bebuyela, uCsaba wabanika incwadi yabo waza wayeka ukufunda. Kusenjalo, wafowunelwa ngumzalwana owayeza kumlungiselela isitovu efuna ukuqonda ngengxaki yaso. Lo mzalwana wachitha iintsuku ezintathu elungisa eso sitovu, yaye ngalo lonke
elo xesha wayengayekanga ukuthetha noCsaba ngenyaniso. Le ndoda yaphinda yaqalisa isifundo seBhayibhile ikunye nomfazi wayo. NgoMeyi 2005, yayisele ingumvakalisi ongabhaptizwanga. Xa ndandityelele kwelo bandla, yayiqala ukuya entsimini ibe ndandihamba nayo. Yenza inkqubela kakhulu ngokomoya ngenxa yoncedo kwanobuhlobo babazalwana kwanangenxa yendlela eyahluke ngayo ihambo yamaNgqina kuleyo yabantu becawa ebikuyo.”EBelgium: Omnye umzalwana ubuyela ibhinqa elihlala kwindlu esekoneni, yaye ngalo lonke ixesha bancokola emnyango. Ngenye imini wathi xa esimka kuloo ndlu umzalwana kweza enye indoda yaza yathi: “Abahlobo bam bathi umntu akamele azidibanise nani maNgqina kaYehova. Kodwa ndiye ndanithethelela ndisithi ayikho le nto bayithethayo. Mandikuxelele inyani, izihlandlo ezininzi xa ndihamba nenja yam, bendisima ekoneni ndiphulaphule xa uncokola nela bhinqa lihlala kula ndlu. Nisoloko nithetha ngovuko neParadesi. Ndinomdla wokwazi okungakumbi ngalo mbandela. Umfazi wam usesibhedlele ngoku sithethayo. Wahlatywa amanxeba ali-17. Andazi neyona nto mandiyenze.” Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile.
EItali: Ngenye imva kwemini umzalwana wayegoduka evela emsebenzini. Wathi xa esondela apho ahlala khona, kwadlula amadoda amabini ehamba ngesithuthuthu. Indoda eyayihleli emva komqhubi yakhupha umpu, yakhomba lo mzalwana isithi makamise imoto. Ngenene umzalwana wamisa. Emva koko, yavula ucango isithi umzalwana makaphume akhuphe yonke imali esepokothweni. Umzalwana wayenza yonke into eyayisithi makayenze. Emva koko le ndoda yahlala emva kwevili ilungele ukuqhuba imke. Kusenjalo, yabona Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova kwidashboard yaza yabuza, “UliNgqina likaYehova?”
Umzalwana wathi, “Ewe, kutheni ubuza njalo?” Ingaphendulanga, le ndoda yaphuma kuloo moto, yacel’ uxolo ngento eyenzekileyo yaza yathi umzalwana makakhwele emotweni yakhe. Kwelinye icala, omnye umphangi waxelela ugxa wakhe ukuba abuyisele imali yomzalwana.
Akungena lo mzalwana emotweni yakhe, indoda eyayiphethe umpu yamvalela ucango isithi: “Sicel’ uxolo.” La madoda akazange asichaze isizathu sokuba atshintshe iingqondo, kodwa kuyabonakala ukuba ayewahlonela amaNgqina.
ESweden: NgoAprili 2003 omnye umvakalisi wadibana nendoda awayinika incwadi ethi Ulwazi. Le ndoda yayimalunga neminyaka engama-90 ubudala. Kwiminyaka engaphambilana yayilityhutyha lonke elo ifota iicawa ezininzi. Ngenxa yoko yenziwa ilungu leCawa yaseSweden. Umvakalisi wayibuza enoba ikhe yalibona kusini na igama likaThixo kwenye yeecawa ebizifota, waza wayibonisa umfanekiso wegama likaThixo kwenye yezona cawa zidumileyo eSweden. Le ndoda yaba nomdla. Yavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile eyayisinandipha ngokwenene. Yathi: “IBhayibhile ndiyifunde ukususela ebuntwaneni, ibe bendicinga ukuba ndiyayazi. Kodwa xa ndithelekisa noko ndikwaziyo ngoku, bekusemnyama.” Kungekudala yaya ezintlanganisweni kwiHolo yoBukumkani. NgoJuni 2005, ineminyaka engama-91, yaqala ukunikela intetho ngokwenza ufundo lweBhayibhile kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Sithetha nje ingumvakalisi ongabhaptizwanga ibe isebenzela ekubeni ibhaptizwe. Yaqala ukuphulaphula amaNgqina kaYehova ngowama-2003 ngenxa yenkqubo kamabonwakude eyayithetha ngokuchaseneyo nathi. Yayifuna ukusazi ngendlela echanileyo, ibe ngoku iyasazi.
[Umfanekiso okwiphepha 43]
USvetlana, eKyrgyzstan
[Umfanekiso okwiphepha 47]
ULucy, eUganda
[Umfanekiso okwiphepha 52]
UGraciela, eVenezuela
[Umfanekiso okwiphepha 55]
URenildo nentsapho yakhe, eBrazil
[Umfanekiso okwiphepha 57]
UDale noPeteli, eTuvalu
[Umfanekiso okwiphepha 57]
UCecilia, eNew Zealand
[Umfanekiso okwiphepha 58]
UElena, eSamoa
[Umfanekiso okwiphepha 61]
UPavel noMayya, eBelarus
[Umfanekiso okwiphepha 61]
URichard nenja yakhe uIrvin, eBritani