Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo
“NGAMANA ningaba nobubele obungasifanelanga noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu neNkosi uYesu Kristu.” Le yindlela uPawulos awayebulisa ngayo kwiileta zakhe ezininzi awayezibhalela amabandla. Sinomnqweno ofanayo nathi ngani.—Efe. 1:2.
Hayi indlela esimbulela ngayo uYehova ngobubele obungasifanelanga asenzele bona ngedini lentlawulelo likaKristu Yesu! Eli dini lisenze sakholeka emehlweni kaThixo. Oku bekungenakwenzeka ngamandla ethu, ingakhathaliseki indlela esiyifundisisa ngenzondelelo ngayo iBhayibhile, esizishumayela ngayo iindaba ezilungileyo okanye esiyenza ngenzondelelo ngayo eminye imisebenzi emihle. Ilungelo lokuxolelwa kwezono nelobomi obungunaphakade asilifumananga ngenxa yemigudu esiyenzileyo, kunoko lisisipho sikaYehova esisifumene ngenxa yobubele bakhe obungasifanelanga ngoYesu Kristu.—Roma 11:6.
UPawulos wabhalela abo babekholwa kunye naye wenjenje: “Siyanibongoza ukuba ningamkeli ububele obungasifanelanga bukaThixo nize niyiphose injongo yabo. Kuba yena uthi: ‘Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, ndakunceda ngemini yosindiso.’ Khangelani! Lingoku elona xesha lamkelekileyo. Khangelani! Ingoku imini yosindiso.” Lalikho ‘ixesha elamkelekileyo’ ngenkulungwane yokuqala ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem. Abantu 2 Kor. 6:1, 2.
abaneentliziyo ezinyanisekileyo ababethanda uYehova basindiswa ngokomoya. Ekugqibeleni oku kwabangela ukuba bonke abo bathembekileyo abasaba ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E basindiswe ngokoqobo.—Nanamhlanje, siphila ‘kwixesha elamkelekileyo nakwimini yosindiso.’ Abo uYehova abamkela njengabakhonzi bakhe nabasindisiweyo ngokomoya banethemba lokusinda ‘ngemini enkulu kaYehova’ esemnyango.—Zef. 1:14.
Ukuza kwemini kaYehova kusiphathisa imbopheleleko ebalulekileyo. Kufuneka silumkise abantu ngokuza kwayo yaye sincede abaneentliziyo ezinyanisekileyo bangenelwe kububele bukaYehova obungasifanelanga ukuze nabo basindiswe. UPawulos wayekuqonda ukubaluleka kwale mbopheleleko. Wabhala wenjenje: “Yeha ke mna ukuba andizivakalisanga iindaba ezilungileyo!” Kwakhona wachaza indlela avakalelwa ngayo esithi: “Ndinetyala kwizilumko nakwabangenangqiqo: ngoko ndinentumekelelo yokuzivakalisa iindaba ezilungileyo.”—1 Kor. 9:16; Roma 1:14, 15.
Siya kuba netyala kuYehova ukuba siyawutyeshela lo msebenzi ubalulekileyo wokulumkisa abantu. Siyakuqonda oko uYehova wakuxelela umprofeti uHezekile, wathi: “Nyana womntu ndikwenze umlindi kwindlu kaSirayeli, yaye umele uve intetho emlonyeni wam uze ke ubalumkise bona ngokusuka kum. Ndakuthi kongendawo, ‘Ngokuqinisekileyo uya kufa,’ uze wena okunene ungamlumkisi, uthethe ukuze ulumkise ongendawo endleleni yakhe engendawo ukuze ahlale ephila, ekubeni engendawo, Hez. 3:17, 18.
uya kufa ngenxa yesiphoso sakhe, kodwa igazi lakhe ndiya kulibiza esandleni sakho.”—Le yimihla yokugqibela ekunzima ukujamelana nayo. Akuyondlwan’ iyanetha ukulungelelanisa imicimbi yentsapho, umsebenzi wengqesho, owebandla, nokushumayela. Ukongezelela, abaninzi kuni bayagula, badandathekile, bayaluphala yaye bajamelene nenkcaso. Inkoliso yenu ‘inomthwalo osindayo.’ Sinovelwano ngani, ngokuvisisana namazwi awathethwa nguYesu athi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.” (Mat. 11:28) Siyanincoma nonke nina niqhubeka nisenza imigudu yokukhonza uYehova ngokuthembeka nakubeni nihlangabezana nocelomngeni kwizinto ezinkulu nezincinane.
Ngenxa yokuba nishumayela yaye nifundisa ngenzondelelo, nangenxa yentsikelelo kaYehova, veki nganye kubhaptizwa abantu abamalunga nama-4 762 ehlabathini lonke. Kunyaka wenkonzo odluleyo, kuye kwamiselwa amabandla ali-1 375. Sithandazela ukuba incwadi entsha ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? efumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-120 inganceda izigidi zabantu zingenelwe kububele bukaYehova obungasifanelanga nakuxolo esilufumana kuye ngale ‘mini yosindiso.’
Qinisekani ukuba iQumrhu Elilawulayo liyanithanda nokuba asilibali ukunithandazela. Kwakhona sithi nangamso ngokusithandazela kwenu.
Abazalwana benu,
IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova