Ububi Beemfazwe

Ububi Beemfazwe

Ukuba semfazweni okanye ukuba kwindawo enayo yeyona nto embi enokwenzeka emntwini nenokumshiya ebuhlungu. Amajoni nabantu abachatshazelwe yimfazwe ngabona bayaziyo indlela embi ngayo.

AMAJONI

“Kwenzeka izinto ezimbi kakhulu. Qho usoloko ubona abantu abafayo nabonzakele kakhulu, yonke le nto yenzeka phambi kwakho. Usoloko uziva ungakhuselekanga.”​—UGary, waseBritain.

“Ndachanwa ziimbumbulu ebusweni nasemqolo, kwaye ndabona abantu abaninzi ababuleweyo, kuquka abantwana nabantu abakhulileyo. Imfazwe ikwenza ungabi naluvelwano ngomntu osezintlungwini okanye ofayo.”​—UWilmar, waseColombia.

“Xa ubona umntu edutyulwa phambi kwakho, loo nto ayilibaleki uhlala ucinga ngayo. Ukukhala kwaloo mntu ube umbona kuye kuhlale kuwe engqondweni. Iba ngumbono ombi lowo ongasoze uwulibale nanini na.”​—UZafirah, waseUnited States.

ABANTU ABACHATSHAZELWE ZIIMFAZWE

“Ndandiziva ingathi andisoze ndiphinde ndonwabe kwakhona. Ndandisoyika ukuba ndizofa kodwa eyona nto ndandiyoyika kakhulu kukufa kwabantu basekhaya nabahlobo bam.”​—UOleksandra, waseUkraine.

“Sasiye sifolele ukutya ukususela ngo-2 wasekuseni ukuyokutsho ngo-11 wasebusuku, ngeloo xesha sasisoyika kuba sasiyazi ukuba nanini na singachanwa yimbumbulu esuka kumlo okufutshane.”​—UDaler,waseTajikistan.

“Imfazwe yandishiya ndingenabazali. Yandenza ndayinkedama, ndandingena mntu oza kundikhathalela noza kundithuthuzela.”​—UMarie, waseRwanda.

Nangona bonke aba bantu baye bachatshazelwa ziimfazwe nemiphumo yazo, baye bakwazi ukufumana uxolo. Kwaye baqinisekile ukuba yonke imilo nazo zonke iimfazwe seziza kupheliswa kungekudala. Le Mboniselo iza kusebenzisa iBhayibhile ukuze icacise ukuba le nto izokwenzeka njani.