OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
Indlala
Nakuba abantu besiwa bevuka bezama ukuphelisa ubuhlwempu, kusekho izigidi ngezigidi eziziimpula zikalujaca.
Angonwaba njani amahlwempu?
OKUTHETHWA NGABANTU
Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ukonwaba kuxhomekeke ekubeni nezinto, nokuba impumelelo yomntu ibonwa ngemali anayo. Kulindeleke ukuba abantu abangakwaziyo ukuya esikolweni, ukufumana unyango olusemgangathweni nezinye izinto, bangaze bonwabe.
OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
IBhayibhile ithi ukonwaba ngokwenene akuxhomekekanga kwimali umntu anayo, kunoko, kuxhomekeke ekubeni nobuhlobo noThixo. Ithi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.” (Mateyu 5:3) Abo banomdla wokwazi uThixo baye baxhomekeke kwindlela azibona ngayo izinto, nto leyo ebanceda bafunde inyaniso eseBhayibhileni, ibe loo nto ibanceda bathuthuzeleke baze babe noxolo lwengqondo nakuba bengathathi-ntweni. Nantso ke into ezisa ulonwabo lokwenene.
Abo bawaqondayo baze bawasebenzise amacebiso aseBhayibhileni batsho bakwazi ukubunyamezela ubuhlwempu. Ngokomzekelo, iBhayibhile icebisa ukuba abantu bahambele kude kwizinto ezingakhiyo ezifana nokutshaya nokusela utywala kakubi. Abantu abenza ezi zinto bayayisafaza imali, baze babeke nobomi babo sichengeni nto leyo enokufuna unyango olubizayo.—IMizekeliso 20:1; 2 Korinte 7:1.
IBhayibhile ikwalumkisa nangendlela ekuyingozi ngayo ukunyoluka nokuthanda izinto eziphathekayo. (Marko 4:19; Efese 5:3) Eli cebiso linokumnceda umntu angadlali ngemali kwizinto ezifana nokubheja okanye ‘athande imali’ nto leyo iBhayibhile eyibiza ngokuthi “yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi.” (1 Timoti 6:10) Izibhalo zikwalumkisa ngelithi: “kwanaxa umntu enentabalala ubomi bakhe abuphumi kwizinto anazo.” (Luka 12:15) Ngeliphandle, nokuba sele ingakanani imali, ayinakuze ibuthenge ubomi. Kwelinye icala, ukwenza oko kufundiswa yiBhayibhile kwenza ubomi bube nenjongo ibe loo nto izisa ulonwabo lokwenene.
Nakuba abo bangathathi ntweni besokola ukufumana ukutya, impahla nendawo yokufihl’ intloko, bayakwazi ukonwaba ngokuthi bonele zizinto abanazo, baze baphilele ukwenza ukuthanda koMdali. Bayazi ukuba siyinyani isithembiso seBhayibhile esithi, “Intsikelelo kaYehova—yiyo etyebisayo, yaye akongezi ntlungu kuyo.”—IMizekeliso 10:22.
ISIBHALO ESIBALULEKILEYO: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya.”—Mateyu 5:3.
Ngaba bungaze buphele ubuhlwempu?
OKUFUNDISWA YIBHAYIBHILE
Nakuba iinzame zabantu zokulungisa le ngxaki zitsho phantsi, ngexesha elifanelekileyo, uThixo uza kungqala ngqo kwingcambu yobuhlwempu—abantu abazicingela bodwa, noorhulumente abangoohlohl’ esakhe. (INtshumayeli 8:9) UMdali wethu uza kubatshayela oorhulumente abalawulwa ngabantu abenza unothanda. UBukumkani bakhe, okanye urhulumente wasezulwini uza kubenzela yonke into abayidingayo abantu emhlabeni, kungabikho namnye ucalulwayo. IBhayibhile ithembisa ukuba ngothando, uKumkani woBukumkani bukaThixo uza kuzilungisa iingxaki zabangathathi ntweni. “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo . . . Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa.”—INdumiso 72:12-14
Umhlaba uza kuba yiparadesi yokwenene, wonke umntu uza kuba nendlu, kuya kuba ngathi indlala yintsomi. Kwincwadi kaIsaya uThixo uthembisa abantu bakhe ukuba “baya kwakha izindlu baze bahlale; batyale izidiliya baze badle isiqhamo sazo. . . . Nomsebenzi wezandla zabanyuliweyo bam baya kuwusebenzisa ngokupheleleyo.” (Isaya 65:21, 22) Abayi kwenza amaceb’ alusizi ukuze baphile, bonke baza kunandipha “isidlo sokutya okuneoli eninzi” nezinye izinto ezintle abaza kuzenzelwa nguYehova.—Isaya 25:6.
KUTHENI UMELE UBE NOMDLA?
Ukucingisisa ngethemba lokuba uThixo uza kubusiphula neengcambu ubuhlwempu kunceda abo bahluphekayo bazi ukuba uThixo ubakhathalele nokuba isiphelo sentlungu yabo sisemnyango. Xa eli themba lithe thaa engqondweni, linika amahlwempu amandla okunyamezela iimeko ezinzima aphila phantsi kwazo.
ISIBHALO ESIBALULEKILEYO: “Uya kumhlangula lowo ulihlwempu ukhalela uncedo . . . Uya kuba nosizi ngesisweli nangehlwempu, nemiphefumlo yabangamahlwempu uya kuyisindisa.”—INdumiso 72:12, 13.