UVUKANI! Aprili 2014 | Ucinga Ngokuzibulala?—Izizathu Ezithathu Zokungazibulali
Ngaba wena okanye umntu omaziyo ukhe wacinga ngokuzibulala? Ukwazi izizathu zokungazibulali kunokuziphelisa ezo ngcinga.
Okwenzeka Ehlabathini
Oko kuthethwa ngako: isixeko esenze zonke iirobhothi zaso zasebenza ngaxeshanye, ingozi yempilo eyodlula ukungondleki, nentaka eneminyaka engaphezu kweyi-60 ezele intshontsho.
UKUNCEDA INTSAPHO
Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?
Icebiso okanye isiluleko esibuhlungu sinokukunceda njani?
INQAKU ELINGUMXHOLO
Izinto Zinokutshintsha
Nokuba iimeko zakho azitshintshi, ikho into onokuyitshintsha.
INQAKU ELINGUMXHOLO
Izizathu Zokungazibulali—Likho Ithemba
Njengokukhanya eludinini ithemba linokukwenza iingxaki obunazo uzibonele ebumnyameni.
UDLIWANO-NDLEBE
Umphandi Uchaza Ukholo Lwakhe
UFrédéric Dumoulin walwenyanya unqulo waza akakholelwa ukuba uThixo ukho. Ukufunda iBhayibhile nokuphanda ngendalo kumncede njani wakholelwa ukuba ukho uMdali?
AMAZWE NABANTU
Ukutyelela EKhambodiya
Yenzeka njani into yokuba abantu abaqalayo ukubonana babizane ngokuthi mntakwethu, dadewethu, makazi, malume, makhulu okanye tatomkhulu?
NGABA YADALWA?
Iphiko Lebhabhathane
Iphiko leBlue Morpho lisenokubonakala ligudile, kodwa linamaxolo anokubonwa kuphela ngemakroskopu. Yintoni injongo yawo?
Izinto Ezingakumbi Ezifumaneka Kwi-intanethi
Yintoni Endimele Ndiyazi Ngokuthumelelana Imiyalezo Nemifanekiso Yamanyala Ngefowuni?
Ngaba unyanzelwa ukuba uthumele iifoto zabantu abahamba ze? Iba yintoni imiphumo yokuthumelelana iifoto zabantu abahamba ze? Ngaba kukudlala nje ngothando?
Ndiza Kwenza Ntoni Xa Ndihlutshwa Ngabanye?
Uninzi lwabantu abahlupha abanye luziva lungeloncedo. Eli nqaku lichaza into enokwenziwa ukuze kulungiswe le ngxaki.
Ngumntu Onjani Umhlobo Wokwenene?
Kulula ukufumana abahlobo abangakuthandiyo kodwa ungabafumana njani aba bokwenyaniso?

