Uyamenywa
Unokonwaba Ngonaphakade
Indibano Yengingqi YamaNgqina KaYehova Ka-2026
Khangela Indibano Ekufuphi Nawe
Kungenwa simahla • Akuqokelelwa nkongozelo
Izinto ekuza kuthethwa ngazo
NgoLwesihlanu: Uza kufunda izinto ezisuka eBhayibhileni ezibonisa ukuba uThixo noNyana wakhe uYesu bafuna wonwabe.
NgoMgqibelo: Uza kufunda ngendlela onokonwaba ngayo ngonaphakade ngokufunda kwiNtshumayelo yaseNtabeni kaYesu.
NgeCawa: Kwintetho ethi “Uza Kwenza Ntoni Ngobu Butyebi Ubufumeneyo?” uza kufunda indlela inyani eseBhayibhileni ezenze zonwaba ngayo iimiliyoni zabantu.
IDrama YeBhayibhile
IBali Elingobulungiseleli BukaYesu: Ividiyo 4-6
Uza kubukela uYesu efundisa abantu, ephilisa abagulayo, evusa nabantu abaswelekileyo. Usuku ngalunye lwendibano luza kuba nevidiyo enye emnandi nekhuthazayo kwiividiyo zeli bali.
Yiya ku-jw.org/xh ukuze ubone ucwangciso olupheleleyo uze ubukele nezi vidiyo zilandelayo:
Kwenziwa Ntoni Kwiindibano Zethu?
Yiva ukuba yintoni onokuyilindela kwindibano yengingqi yamaNgqina kaYehova.
Jonga ucwangciso lwendibano yengingqi yalo nyaka.
UYesu wazisebenzisa njani iziphiwo zakhe ukuze ancede abanye abantu?
Bukela ezinye iividiyo zeli bali ebezidlale kwiindibano ezidlulileyo

