“Ngoku Uza Kuyibona Into Endiza Kuyenza KuFaro”
Ngaphambi kokuba uYehova abethe amaYiputa ngezibetho aze akhulule amaSirayeli ebukhobokeni, waxelela amaSirayeli into yena awayeza kuyenza. Ayeza kubona amandla kaYehova ngeendlela ezininzi angazange azibona ngaphambili, ibe amaYiputa ngokuqinisekileyo ayeza kwazi ukuba uYehova ngubani. Xa zenzeka zonke izinto uThixo awayezithembisile, ukholo lwamaSirayeli lwaqina kakhulu, ibe loo nto yawanceda akazikholelwa iimfundiso zobuxoki zaseYiputa.
Lo mzekelo ulwenza luqine njani ukholo lwakho ngezinto uYehova athembise ukuba uza kuzenza kwixesha elizayo?