IsiXhosa
Inkcazelo
/assets/ct/fa815d8e9f/images/syn_placeholder_sqr.png
CO-pgm21 iphe. 8

Inkcazelo

Inkcazelo

UBHAPTIZO Abadala bebandla lakho benze amalungiselelo endlela abaza kubhaptizwa ngayo abo bazahluleleyo emva kwendibano yakusasa ngoMgqibelo.

IMINIKELO Le ndibano iguqulelwe ngeelwimi ezingaphezu kwe-400. Iminikelo yenu ixhasa lomsebenzi wenziwa emhlabeni wonke. Unganikela kwi-intanethi kudonate.jw.org. Siyayibulela kakhulu yonke iminikelo yenu. IQumrhu Elilawulayo linibulela kakhulu ngendlela eniyixhasa ngayo imisebenzi yoBukumkani.

ISIKOLO SABAVANGELI BOBUKUMKANI

Oovulindlela abaphakathi kweminyaka eyi-23 neyi-65 ubudala abanomdla wokwandisa inkonzo yabo bayacelwa ukuba bathethe nonobhala webandla labo baze bagcwalise isicelo sokuya kwiSikolo Sabavangeli BoBukumkani.

Ilungiselelwe liQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova

© 2021 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania