Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu

Funda nezinye izinto ngoYesu Kristu, uNyana kaThixo noMsindisi wabantu kwezi vidiyo zimnandi.

Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu—Amagqabantshintshi Edrama

Bukela ezi vidiyo ezingobomi bukaYesu Kristu ezenza iincwadi zeVangeli zibangele umdla.

IVIDIYO 1

Okona Kukhanya Kokwenene

UYosefu noMariya bafumana imbopheleleko yokukhulisa uYesu umntwana ongafaniyo nabanye.

IVIDIYO 2

“Lo NguNyana Wam”

UYohane umBhaptizi wazisa ngobukho bukaYesu. UYesu uqalisa ukushumayela.

IVIDIYO 3

“NDINGUYE”

UYesu ufundisa uNikodemo, umfazi womSamariya, nabantu baseNazarete, abanye bayamkholelwa kodwa abanye abamkholelwa.

IVIDIYO 4

“Ndizele Loo Nto”

UYesu uphilisa abagulayo, ukhupha iidemon, wenza abafundi ibe ukhetha abapostile bakhe abayi-12.

IVIDIYO 5

“Babemangalisiwe Yindlela Afundisa Ngayo”

Emva kokuphilisa abantu abaninzi, uYesu unikela iNtshumayelo yaseNtabeni—eyona ntetho yakhe eyaziwayo.

IVIDIYO 6

“UnguLowo Uzayo Na?”

UYesu uvusa unyana womhlolokazi, ufundisa esebenzisa imizekelo elula, ibe iimfundiso zakhe zibonisa ezona njongo zabantu abammameleyo.

Ibali Elingobulungiseleli BukaYesu—Amagqabantshintshi Evidiyo

Bukela la magqabantshintshi ebali elenza iincwadi zeVangeli zibangele umdla.