Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IWEBHSAYITHI ETHI JW.ORG

Ngena Ku-JW.ORG Usebenzisa Ifowuni

Ngena Ku-JW.ORG Usebenzisa Ifowuni

Zonke izinto ezikule webhsayithi onokuzivula kwikhompyutha, ziyavuleka nakwifowuni okanye kwitablet. Kodwa ke amaqhosha kunye nenkangeleko yayo yahlukile. Amacebiso akweli nqaku aza kukunceda ufumane izinto ozifunayo kwi-jw.org.

  • Sebenzisa olu phawu

  • Khangela amanqaku nezahluko zoncwadi

  • Khangela iBhayibhile ekwi-intanethi

  • Phulaphula inqaku elirekhodiweyo

Sebenzisa Olu Phawu

Ekhompyutheni, zonke iindawo onokucofa kuzo zihlala ziphezulu ukanti ezinye ziba secaleni.

Kodwa ke kwifowuni zonke iindawo onokucofa kuzo ziyehla. Kwakhona ezinye iindawo onokuzicofa azibonakali xa zingasetyenziswa ukuze loo ndawo uyivulileyo uyibone kakuhle.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze uveze okanye ufihle iindawo onokuzicofa. Ukuze uye kwindawo enenkcazelo oyifunayo, cofa kwindawo enegama layo.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze uvule iindawo onokuzicofa kwezi zehlayo. Ukuze uye kwindawo enenkcazelo oyifunayo, cofa kwindawo enegama layo.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ufihle iindawo onokuzicofa ezehlayo.

  • Ukuze uye kwiphepha lokuqala cofa indawo ethi, JW.ORG.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ubone uludwe lweelwimi.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ukhangele inkcazelo oyifunayo.

Khangela Amanqaku Nezahluko Zoncwadi

Ekhompyutheni, iziqulatho zoncwadi olufundayo zihlala zibonakala ngoxa ufunda inqaku okanye isahluko. Kodwa ke, kwifowuni iziqulatho zifihlakele.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ubone iziqulatho. Cofa umxholo ukuze uveze inqaku okanye isahluko.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze uveze inqaku okanye isahluko esingaphambi kwesi.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze uveze inqaku okanye isahluko esilandelayo.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ufihle iziqulatho uze uqhubeke ufunda inqaku okanye isahluko.

Khangela IBhayibhile Ekwi-Intanethi

Yiya kwindawo ethi, IIMPAPASHO > IBHAYIBHILE uze ucofe ethi Yifunde Kwi-intanethi. Okanye ucofe indawo ethi Funda IBhayibhile Kwi-Intanethi kwiphepha lokuqala.

Kwindawo enalo mfanekiso ungasentla, kukho uludwe oluneencwadi nezahluko zeBhayibhile. Khetha eso usifunayo ucofe indawo ethi Ngena.

Njengoko ukhangela isahluko, iBhayibhile ihlala ikhona ukuze kube lula ukuya kwesinye isahluko.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ubuyele umva. Loo nto iza kubangela ukuba usibone kakuhle eso sahluko. Ukuze ukhethe esinye isahluko, kufuneka uye ngaphezulu okanye ngezantsi kwelo phepha ukulo.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze iBhayibhile ingasuki.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ubone iziqulatho zeBhayibhile, kuquka inkcazelo esekuqaleni yeBhayibhile nezihlomelo.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ubone isahluko esingaphambi kwesi.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ubone isahluko esilandelayo.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ufihle iziqulatho zeBhayibhile.

Phulaphula Inqaku Elirekhodiweyo

Ukuba inqaku olifunayo lirekhodiwe uza kubona ngalo mfanekiso ungasentla.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze uqalise ukumamela inqaku.

  • Cofa indawo enolu phawu ukuze ulimise. Ukuba ufuna liphinde lidlale cofa indawo ethi Dlala.

  • Xa ufuna ukulibuyisela umva okanye ukulisa phambili inqaku elirekhodiweyo buyisela umva okanye uhambise eli qhosha.

Ukuba udlala inqaku elirekhodiweyo uze kwangaxeshanye uhle uphinde unyuke kwelo phepha linye, ungakwazi ukulimisa okanye ulidlale kwakhona.