I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IWEBHSAYITHI ETHI JW.ORG

Fumana Izinto ZeNtetho Yezandla

Fumana Izinto ZeNtetho Yezandla

Uninzi lwezinto zentetho yezandla luziividiyo. Ezinye iintetho zezandla ziye zaguqulela inxalenye ye-jw.org, kuquka iphepha lokuqala. Ezinye iintetho zezandla azikayiguquleli iwebhsayithi kodwa zineencwadi neemagazini nolunye uncwadi ngevidiyo phantsi kwendawo ethi IIMPAPASHO.

Sebenzisa enye yezi ndlela ukuze ufumane izinto zentetho yezandla:

 Khetha INtetho Yezandla

  • Indlela Yokuqala: Cofa indawo ethi Khetha Ulwimi ukuze uveze zonke iilwimi ezifumanekayo kwi-jw.org.

  • Cofa ibhokisi ekubhalwe ecaleni kwayo Bonisa Intetho Yezandla Kuphela uze ubone uludwe lwentetho yezandla kuphela.

    Enye indlela onokuyenza ngayo kukubhala igama laloo ntetho yezandla oyifunayo kwindawo eyenzelwe ukuba kubhalwe kuyo. Uludwe oluza kuvela lolweelwimi ezinonoobumba obabhalileyo.

  • Indlela Yesibini: Cofa kwindawo ethi, “Bukela Iividiyo ZeNtetho Yezandla” kwiphepha lokuqala. Khetha intetho yezandla.

Ukuba le webhsayithi iguqulelwe kwintetho yezandla oyikhethileyo, iza kuvuleka ngayo.

Kulula ukuyibona iwebhsayithi yentetho yezandla kuba izinto ezikuyo zinophawu. Phawu ngalunye lubonisa indawo onokungena kuyo.

Kwindawo ethi IIMPAPASHO, ezinye iindawo onokungena kuzo zisebenzisa amabinzana ohlukileyo kwezinye iilwimi. Ngokomzekelo, indawo ethi UMCULO ithi IINGOMA kwiiwebhsayithi zentetho yezandla.

Fumana izinto ozifunayo kwiindawo onokukwazi ukungena kuzo. Dlala okanye udawunlowude iividiyo zentetho yezandla.

Yiya Kwindawo Ethi IIMPAPASHO

 Cofa kwindawo ethi IIMPAPASHO > IZINTO EZIFUMANEKAYO.

Khetha loo ntetho yezandla oyifunayo. Ekubeni kukho iintetho zezandla ezininzi, kungakuhle ukuba uvele ulibhale igama laloo ntetho yezandla oyifunayo. Kuza kuvela ezisondeleyo kuloo magama uwabhalayo.

Ukuba intetho yezandla oyikhethileyo ineencwadi ezimbalwa, zonke ziza kuvela phantsi kwendawo ethi IZINTO EZIFUMANEKAYO. Kodwa ke, kwiiNtetho Zezandla ezineencwadi ezininzi, kuza kuvela ezinye zeencwadi ezifumanekayo kwindawo ethi IZINTO EZIFUMANEKAYO. Yiya kuloo ndawo kufumaneka kuyo izinto ozifunayo (ngokomzekelo, IBHAYIBHILE, IIMAGAZINI, IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO) ukuze ufumane izinto zentetho yezandla ezikhoyo.

Sebenzisa iJW Library Sign Language

Kungakuhle ukukhetha ukusebenzisa iJW Library Sign Language ukuba:

  •   usoloko usebenzisa iividiyo zentetho yezandla.

  • kungakunceda ukuhlala unazo efowunini yakho ezi vidiyo ukuze ungangeni kwi-Intanethi xa ufuna ukuzidlala.

  • iyafumaneka ngentetho yezandla oyisebenzisayo.

Ukuze ufumane iinkcukacha ezingakumbi, cofa kwindawo yoncedo lweJW Library Sign Language.