Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

I-JW LIBRARY

Ukufunda Ngendlela Elungele Wena​—Kwi-iOS

Ukufunda Ngendlela Elungele Wena​—Kwi-iOS

Kukho izinto ezininzi ku-JW Library zokukunceda uphucule indlela ofunda ngayo. Ezi zinto zingasentla kwisixhobo sakho xa ufunda isahluko okanye inqaku.

Kusenokufuneka ucofe kolu phawu ukuze ufumane izinto ezingakumbi.

Landela le miyalelo ukuze ufunde ngendlele elungele wena:

 Tshintsha Ulwimi

Unokulutshintsha ulwimi lwesahluko okanye inqaku olifundayo

  • Cofa kolu phawu ukuze ubone zonke iilwimi efumaneka ngazo indawo oyifundayo. Iilwimi ozisebenzisa kakhulu zivela kuqala kuludwe. IMboniselo eyenziwe lula yesiNgesi nayo iyavela apha. Unokukhangela ulwimi ngokubhala igama lalo.

  • Iilwimi ezingekadawunlowudwa ziba nophawu lwelifu. Cofa ulwimi ukuze udawunlowude uncwadi. Xa incwadi ingenile kwisixhobo sakho, ilifu liyasuka. Phinda ucofe ulwimi ukuze ufunde.

 Tshintsha kwiText Settings

Ungenza uncwadi lwakho lufundeke ngendlela ebonakala lula kuwe.

Cofa ku-Text Settings; uze uhambise umnwe ukuze wenze amagama abe mancinci okanye abe makhulu. Oku kwenzelwe lonke uncwadi onalo kuJW Library.

 Bona Umfanekiso Okanye Amagama

Amanye amanqaku aba yimifanekiso okanye ibe ngamagama. Cofa kuphawu olufanelekileyo ukuze uye kwindlela ofuna livele ngayo.

  • Bona umfanekiso: Imifanekiso ikubonisa indlela elibonakala ngayo inqaku xa lisephepheni. Abanye bakhetha le ndlela kwiincwadi ezinjengeculo, apho iye ibonise iinotes.

  • Bona amagama: Amagama abonisa imibhalo yeBhayibhile eyilinki onokuyicofa aze abe makhulu ngokwendlela ofuna ngayo.

 Indawo ethi, Open in. . .

Indawo ethi, Open in . . . yenza ukwazi ukuvula oko ufuna ukukufunda kuku-JW Library kwezinye iiapps.

Cofa indawo ethi, Open in . . . ukuze ubone uludwe onokukhetha kulo. Ngokomzekelo, unokucofa uOpen in Online Library ukuze ukufunde kwiWatchtower ONLINE LIBRARY oko ubukufunda.

 Yifunde Ngendlela Elungele Wena IBhayibhile

Xa ucofa iBhayibhile ecatshulweyo kuncwadi, kuvela iivesi. Ezantsi kweevesi, cofa indawo eyenzelwe ukuba ukwazi ukukhetha iiBhayibhile ofuna ukuzongeza kuludwe.

Cofa iqhosha lokongeza okanye lokususa ukuze wongeze okanye ususe ezinye iinguqulelo. Ukuze ulungise indlela ezihleli ngazo kuludwe, zinyuse okanye uzehlise iiBhayibhile.

Funda indawo ethi, “Dawunlowuda Uze Usebenzise IBhayibhile​—Kwi-iOS” ukuze ufunde indlela yokufumana iBhayibhile ezingakumbi kuJW Library.

Ezi zinto zakhululwa ngoFebruwari 2015 neJW Library 1.4, ehambelanayo neiOS 6.0 okanye ezilandelayo emva kwayo. Ukuba awuziboni ezi zinto, nceda ulandele imiyalelo ekwinqaku elithi, “Sebenzisa IJW Library​—Kwi-iOS,” ngaphantsi kwendawo ethi Fumana Izinto Ezintsha.