IJW BROADCASTING
Izinto Onokuzenza KwiJW Broadcasting
Ukubukela
Unokubukela iividiyo kwisitishi ezidlala kuso ekubeni zidlala imini yonke.
Bukela izitishi ezahlukahlukeneyo, kuquka Iinkqubo Zenyanga, Iimuvi, Abantwana, Abafikisayo, Iinkqubo Neembutho Zethu.
Jonga kwindlela yokusebenzisa isitishi ukuze ubone ukuba yintoni eza kudlala.
Oovimba Beevidiyo
Candelo ngalinye linevidiyo okanye ezingakumbi.
Bukela ividiyo ibe nye, okanye ucofe indawo ethi Dlala Zonke ukuze ubukele zonke iividiyo.
Oko unokukwenza kwividiyo (yimise, yidlale, buyela umva, dlulela phambili, yiya kwenye).
Isandi
Kukho izandi ezahlukahlukeneyo (umculo, imidlalo yeBhayibhile erekhodiweyo nezingakumbi).
Mamela inkqubo yesandi ibe nye, okanye ucofe kwindawo ethi Dlala Zonke ukuze umamele zonke ezahlukahlukeneyo.
Cofa kwindawo ethi Shuffle ukuze umamele iinkqubo zezandi ngokungalandelelani.
Izixhobo Edlala Kuzo
ITV.JW.ORG: Idlala ubukhulu becala kwiikhompyutha, iitablet, nakwiifowuni ezikwaziyo ukungena kwi-intanethi. Ukuba ikhompyutha okanye isixhobo sakho se-elektroniki siyakwazi ukudlala iividiyo ezikwi-jw.org, singakwazi ke nokungena kwitv.jw.org.
Iapp yeRoku: IRoku 1, iRoku 2, iRoku 3, neRoku ekwaziyo ukudlala kwiTV.