Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

I-JW BROADCASTING

Bukela Oovimba Beevidiyo KwiTV.JW.ORG

Bukela Oovimba Beevidiyo KwiTV.JW.ORG

Unako ukubukela iividiyo kwindawo ethi Oovimba Beevidiyo nangaliphi na ixesha. Ungayimisa, ubuyele umva, okanye uyise phambili. Unokubukela ividiyo ibenye okanye zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo. Cofa kwindawo ethi Oovimba Beevidiyo ukuze ubone amacandelo eevidiyo. Landela ezi ndlela ukuze ukhangele yaye ubukele iividiyo:

 Khangela Ividiyo

Xa ucofa kwindawo ethi Oovimba Beevidiyo, kuvela umfanekiso wevidiyo. Icandelo ngalinye linomfanekiso nomxholo walo. Ezinye iividiyo zinokufumaneka kumacandelo ohlukahlukeneyo. Ngokomzekelo, ividiyo ethi Unyana Wolahleko Uyabuya inokufunyanwa phantsi kwala macandelo: Iimuvi, Intsapho nelithi Abafikisayo.

Yihla ukuze ubone onke amacandelo

Ukuze ukhethe icandelo olifunayo cofa umfanekiso okanye umxholo welo candelo. Umfanekiso ovelayo ubonisa umxholo wecandelo nengcaciso. Ezantsi komfanekiso kuvela iividiyo ezahlukahlukeneyo ezifumaneka kwelo candelo.

Cofa umfanekiso wevidiyo ukuze ukhethe loo vidiyo ibonisiweyo. Kuza kuvela umxholo wevidiyo, ingcaciso, ixesha elithathayo xa idlala necandelo levidiyo.

Ikhompyutha okanye itablet: Cofa Umgca Okhombe Ekhohlo okanye Okhombe Ekunene ukuze ubone iividiyo ezahlukahlukeneyo ezingakumbi.

Ifowuni: Kuvela ividiyo yokuqala kwiividiyo ezahlukahlukeneyo. Ukuze ubone iividiyo ezahlukahlukeneyo ezingakumbi, cofa indawo ethi Bona Ezingakumbi.

Ukuze ukhethe ividiyo cofa umfanekiso okanye umxholo wevidiyo. Umfanekiso ovelayo ubonisa umxholo wevidiyo, ingcaciso nexesha elithathayo xa idlala

Cofa indawo ethi Dlala ukuze ividiyo idlale. (Qhaphela: Nakwiifowuni zeiOS neAndroid kufuneka ucofe indawo ethi Dlala xa ividiyo ivelile.)

Cofa kwindawo ethi Dawunlowuda ukuze ukhuphele ividiyo kwikhompyutha okanye kwisixhobo sakho. (Phawula: Ezinye izixhobo zisenokufuna ukuba ube neapp ethile eza kukunceda ukwazi ukudawunlowuda ividiyo.) Cofa umgangatho ofuna ibe kuwo ividiyo oza kuyidawunlowuda.

Ukuba ubusele uyibukele inxalenye yale vidiyo ngaphambili, cofa indawo ethi Qhubeka ukuze uqhubeke nokuyibukela kwindawo evele kuyo. Cofa kwindawo ethi Dlala Ukususela Ekuqaleni ukuze uyidlale ukususela ekuqaleni.

  • Icebiso: Kunokuba udlale ividiyo ibenye ngexesha, unokucofa indawo ethi Dlala Zonke ecaleni komxholo weevidiyo ezahlukahlukeneyo ukuze udlale zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo.

    Qaphela: Xa zonke iividiyo ezahlukahlukeneyo sele zidlalile awuzokukwazi ukwenza oko ufuna ukukwenza.

  • Kwindawo ethi Dlala Zonke, buyela umva ukuze uye kwividiyo obukhe wayivula kwiividiyo ezahlukahlukeneyo.

  •  Kwindawo ethi Dlala Zonke, ukuze uye kwividiyo elandelayo cofa indawo ekhombe kwiividiyo ezilandelayo.

Yenza Oko Ufuna Ukukwenza

Kwindawo ethi Oovimba Beevidiyo, unokwenza oko ufuna ukukwenza ngezi ndlela zilandelayo:

  • Ikhompyutha: Ukuze ividiyo igcwale isikrini, hambisa imawusi uyise kwividiyo uze ucofe kwindawo yokwenza ividiyo Ivele Kakhulu ngezantsi.

    Itablet okanye ifowuni: Ukuze ividiyo igcwale isikrini sonke, cofa kuyo uze ucofe kwindawo yokwenza ividiyo Ivele Kakhulu evela ngezantsi.

  • Ikhompyutha: Ukuze ividiyo ingagcwali isikrini sonke, cofa indawo ebhalwe Esc kwikhompyutha, okanye uhambise imawusi uyise kwividiyo uze ucofe kwindawo engezantsi ukuze Iyeke Ukuvela Kakhulu.

    i-iOS: Ukuze ividiyo Ingagcwali Isikrini Sonke, cofa kwindawo yokubuyela umva.

    iAndroid: Ukuze ividiyo Ingagcwali Isikrini Sonke, cofa kwindawo yokubuyela umva.

    Isixhobo seWindows: Ukuze ividiyo ingagcwali isikrini sonke, cofa kwindawo yokubuyela umva.

  • Cofa indawo Yokumisa ukuze umise ividiyo.

  • ofa indawo Yokuyidlala ukuze uqhubeke nevidiyo.

  • Ukuze uye kwindawo ofuna ukuya kuyo kwividiyo, hambisa ichaphaza elikubonisa ukuba undawoni ulise phambili okanye ulibuyisele umva.

  • Ikhompyutha: Ukuze utshintshe umgangatho wevidiyo edlalayo, yisa imawusi kwividiyo, emva koko uyise kwindawo yeesetingi engasekunene, uze ukhethe indlela ofuna ukuyibukela ngayo. (Qaphela: Le nto ayenzeki kuzo zonke izixhobo obukela ngazo.)

    Qaphela: Inani elikhulu limela indlela evela ngcono ngayo ividiyo, ibe oko kufuna usebenzise i-intanethi ekhawulezayo. Khetha leyo ivela kakuhle xa ubukele ibe ehambelana kakuhle neintanethi oyisebenzisayo. (Xa ufuna ukwazi okungakumbi, yiya kwindawo yokutshintsha iisetingi zekhompyutha okanye isixhobo sakho.)

    Ifowuni okanye iTablet: Ukuze utshintshe indlela evela ngayo ividiyo, cofa kuyo uze ucofe kwiisetingi zayo, uze kamva ucofe indlela ofuna ivele ngayo. (Qaphela: Oku akwenzeki kuzo zonke izixhobo ezidlala iividiyo.)

  • Ikhompyutha: Ukuze utshintshe isandi, hambisa imawusi kwividiyo uze uyihambise nakuphawu Lwesandi. Yehlisa okanye unyuse isandi sevidiyo ukuze ikhwaze okanye ikhalele phantsi.

    Itablet okanye ifowuni: Ukuze utshintshe isandi, sebenzisa uphawu lwesandi olukwisixhobo sakho.