Iividiyo ZeBhayibhile​—Izinto Ezifundiswa YiBhayibhile

Ezi vidiyo zimfutshane zineempendulo zemibuzo yezinto ezifundiswa yiBhayibhile. Loo mibuzo ifana nethi: Kwakutheni ukuze uThixo adale umhlaba? Kwenzeka ntoni kumntu xa efile? Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka?

Ngaba Umhlaba Wadalwa?

Into ethethwa yiBhayibhile ngendalo idla ngokungaqondwa kakuhle okanye kuthiwe bubuxoki. Ngaba singayithemba into ethethwa yiBhayibhile ngendlela owaqala ngayo umhlaba?

Ngaba UThixo Ukhona?

Khawujonge ubungqina obobubonisa ukuba ukholelwa kuThixo kufanelekile.

Ngaba UThixo Unalo Igama?

UThixo unezibizo ezininzi, ezinye zazo nguSomandla, uMdali nesithi Nkosi. Kodwa igama likaThixo lisetyenziswa ngaphezu kwezihlandlo eziyi-7 000 eBhayibhileni.

Ngaba Ungakwazi Ukuba Ngumhlobo KaThixo?

Sele kuyiminyaka emininzi abantu befuna ukwazi uMdali wabo. IBhayibhile ingasinceda sibe ngabahlobo bakaThixo. Sinokuqala ukuba ngabo ngokufunda igama likaThixo.

Ngubani Umbhali WeBhayibhile?

Ukuba ibhalwe ngabantu, ngaba kufanelekile ukuba ibizwe ngokuba liLizwi likaThixo? Ineengcamango zikabani iBhayibhile?

Ngaba IBhayibhile Ithetha Inyani?

Ukuba iBhayibhile yabhalwa nguThixo, ifanele yahluke kuzo zonke iincwadi.

Kwakutheni Ukuze UThixo Adale Umhlaba?

Ihlabathi lethu lihle kakhulu. Wawubeka wakude kunelanga ibe ujikeleza ngesantya esifanelekilyo. Kwakutheni ukuze uThixo awudale ube ube mhle kangaka?

Yintoni Esimele Siyiphilele?

Fumana eyona nto umele uyiphilele nenokwenza wonwabe.

Ungazifumana Phi Iimpendulo Zemibuzo Ebalulekileyo Ngobomi?

Ngaba unemibuzo ngobomi, ukusweleka kwabantu, okanye ngekamva? Unako ukufumana iimpendulo ezanelisayo kulo mibuzo kunye neminye emininzi! Kodwa ungazifumana phi?

Bakweyiphi Imeko Abantu Abaswelekileyo?

IBhayibhile ithembisa ukuba kuza ixesha abaza kuvuswa ngalo abantu abaninzi abaswelekileyo njengokuba kwavuswa uLazaro.

Ngaba Isihogo Yindawo Ekhoyo Nyhani Ekungcungcuthekiswa Kuyo Abantu?

Kuba iBhayibhile isithi “uThixo uluthando,” akasoze angcungcuthekise abantu ngeempazamo zabo zakudala.

Ngaba UYesu Kristu NguThixo?

Ngaba uYesu Kristu nguThixo uSomandla? Okanye ngabantua abohlukeneyo?

Kwakutheni Ukuze UYesu Afe?

IBhayibhile isichazela ngokubaluleka kokufa kukaYesu. Ngaba kukho okwaphunyezwa kukufa kwakhe?

Yintoni UBukumkani BukaThixo?

Eyona nto wayefundisa ngayo uYesu yayibuBukumkani bukaThixo. Kangangeenkulungwane, abalandeli bakhe bebethandazela ukuba obo Bukumkani bufike.

UBukumkani BukaThixo Baqala Ukulawula Ngo-1914

Kwiminyaka engaphezu kweyi-2 600 eyadlulayo, uThixo wabangela ukumkani onamandla ukuba aphuphe isiprofeto esenzekayo ngoku.

Ukususela Ngo-1914, Ihlabathi Latshintsha

Izinto ezenzekayo ukususela ngo-1914 zibonisa ukuba isiprofeto seBhayibhile “ngemihla yokugqibela” siyenzeka.

Ngaba NguThixo Obangela Iintlekele Zemvelo?

Abantu ababini abehlelwa ziintlekele zemvelo bachaza izinto abazifunda eBhayibhileni.

Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?

Abantu abaninzi bayazibuza ukuba kutheni emhlabeni kusenzeka izinto ezimbi kangaka. IBhayibhile ineempendulo ezithuthuzelayo nezanelisayo.

Kutheni Ukholelwa Into Oyikholelwayo?

Funda ukuba kutheni umele uhlole iinkolelo zakho ngokukhonza, uze uqinisekise ukuba izinto ozaziyo ngoThixo ziyinyani.

Ngaba UThixo Uzamkela Zonke Iindlela Akhonzwa Ngazo?

Abantu abaninzi bakholelwa ukuba ayinangxaki into yokuba ukhetha eyiphi inkonzo.

Ngaba Umele Ube Kwinkonzo Ethile Ukuze Ukhonze UThixo?

Ngaba uThixo ufuna umkhonze kwinkonzo ethile? Ithini iBhayibhile?

Ngaba UThixo Umamela Yonke Imithandazo?

UThixo uyawumamela umthandazo womntu ocingela isiqu sakhe yedwa? Ngaba uThixo uyayimamela imithandazo yendoda ephatha kakubi umfazi?

Ngaba UThixo Ufuna Sisebenzise Imifanekiso Xa Simkhonza?

Ngaba ingasinceda sizive sisondele kuThixo esingenakumbona?

UThixo Uwujonga Njani Umtshato?

UThixo ufuna umtshato wakho uphumelele. Icebiso leBhayibhile lincede abantu abaninzi abatshatileyo.

Ivela Phi IKrismesi?

Jonga ukuba ivela phi iKrismesi uze ubone nesizathu sokuba abanye bengayibhiyozeli.

Ngaba Iphonografi Sisono KuThixo?

Ngaba igama elithi “phonografi” likhona eBhayibhileni? Singayazi njani ukuba uThixo uziva njani ngayo?