NGABA YADALWA?
Indlela Iiseli Zomzimba Ezikwazi Ngayo Ukutshintsha
Xa ubomi bakho babuqala esiswini sikamama wakho, baqala kwiseli encinci ekuthiwa yizygote, engenakubonakala nokubonakala ngamehlo. Nangona kunjalo, kwiinyanga ezimbalwa ezilandelayo, wazalwa ungumntwana opheleleyo. Loo seli inye yaphinda-phindeka yaza yatshintsha yaziintlobo zeeseli ezingaphezu kweziyi-200, ezingafaniyo, ezingalinganiyo, nezenza imisebenzi eyahlukeneyo.
Khawucinge ngale nto: Iseli ekuthiwa yizygote ikopa iDNA yayo, zize ezi seli zibe mbini. Le nto imane iphinda-phindeka. Ekuqaleni zonke iiseli ezintsha ziyafana. KwiDNA yazo zinayo yonke imiyalelo eziyidingayo ukuze zenze iintlobo zeeseli ezahlukeneyo.
Emva kweveki umntu ekhulelwe, ezi seli ziye zenze imisebenzi emibini. Ezinye iiseli ziba yimbumba ekuthiwa yi-embryo, kanti ezinye ziba yi-placenta ekhusela umntwana esiswini nezinye izinto ezinceda imbumba ikhule.
Kwiveki yesithathu, iiseli ze-embryo zahlulelana kathathu. Eyokuqala eba ngaphezulu, ihoyene nokwenza iiseli zemithambo-luvo, ingqondo, umlomo, ufele olungaphandle nezezinye izinto. Iiseli ezisesiphakathini ziba ligazi, amathambo, izintso, izihlunu nezinye izinto. Iiseli ezingaphakathi zona ziba ngamalungu omzimba afana nemiphunga, isinyi (ibladder) nezinye izinto zokunkcola ukutya.
Njengoko umntwana ongekazalwa ekhula, iiseli ziyaphinda-phindeka zize zitshintshe zibe ziintlobo zeeseli ezingaphezu kweziyi-200
Njengoko umntu ekhulelwe, ezinye iiseli zihamba zodwa okanye ziliqela zisuka kwelinye icala le-embryo zisiya kwelinye. Ezinye iiseli ziyadibana, zondlaleke, zigobeke okanye zibe ziindawo ezingenanto. Xa kusenzeka yonke le nto, kufuneka ezi seli zisebenzisane. Ngokomzekelo, ezi seli ziyagobeka zide zibe yimibhobho emincinci. Le nto yenzeka ngexesha elinye kwiindawo ezohlukeneyo kwiembryo. Emva koko, le mibhobho iba mide, iye nakwenzinye iindawo ize idibane. Ngenxa yaloo nto, igazi liyakwazi ukuhamba emzimbeni.
Umntwana osempilweni uzalwa sele eneeseli ezininzi eziye zatshintshwa zaluhlobo oludingekayo kwindawo efanelekileyo ngexesha elifanelekileyo.
Ucinga ntoni? Ukukwazi kweeseli ukuzitshintsha kwazenzekela? Okanye ngaba kwadalwa?

