Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Yintoni Izulu?

Yintoni Izulu?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Igama elithi izulu lisetyenziswa ngeendlela ezintathu eBhayibhileni: (1) amazulu abonakalayo; (2) ummandla womoya; yaye (3) lithetha indawo ephakamileyo okanye isikhundla esiphakamileyo. Kwimeko nganye, loo nto kuthethwa ngayo yiyo esinceda siqonde intsingiselo echanileyo. *

  1. Amazulu abonakalayo. Kule nkalo, amazulu abhekisela esibhakabhakeni apho kubhudla umoya, kubhabha iintaka, apho amafu ahlisa imvula nekhephu nalapho kulenyeza imibane. (INdumiso 78:26; IMizekeliso 30:19; Isaya 55:10; Luka 17:24) Asenokubhekisela nasemajukujukwini apho kukho “ilanga nenyanga neenkwenkwezi.”Duteronomi 4:19; Genesis 1:1.

  2. Ummandla womoya. Igama elithi izulu likwabhekisela kummandla womoya, kwindawo yokuhlala ephakame ngaphezulu lee kunesibhakabhaka. (1 Kumkani 8:27; Yohane 6:38) Kummandla womoya kuhlala uYehova uThixo ‘onguMoya’ kwakunye neengelosi awazidalayo. (Yohane 4:24; Mateyu 24:36) Maxa wambi amazulu ayamntwiswa ukufanekisela iingelosi ezithembekileyo, ‘ibandla labangcwele.’INdumiso 89:5-7.

    IBhayibhile iphinde isebenzise igama elithi amazulu xa ibhekisela kwinxalenye yommandla womoya ‘kwindawo ahlala kuyo’ uYehova. (1 Kumkani 8:43, 49; Hebhere 9:24; ISityhilelo 13:6) Ngokomzekelo, iBhayibhile yaxela kwangaphambili ukuba uSathana needemon zakhe baza kuphoselwa ngaphandle kwezulu ibe abazange banikwe mvume yokubuyela ezulwini. Sekunjalo, babeza kuhlala bekummandla womoya.ISityhilelo 12:7-9, 12.

  3. Indawo ephakamileyo okanye isikhundla esiphakamileyo. IZibhalo zisebenzisa igama elithi izulu ukuchaza isikhundla esiphakamileyo esidla ngokuba sesomntu ophetheyo. Eso sikhundla sinokuba:

Kunjani ezulwini?

Kuyasetyenzwa kummandla womoya. Kuhlala amakhulu ezigidi zeengelosi ‘eziphulaphula isandi selizwi lakhe [uYehova].’INdumiso 103:20, 21; Daniyeli 7:10.

Xa ithetha ngezulu iBhayibhile ithi linokukhanya okuqaqambileyo. (1 Timoti 6:15, 16) Umprofeti uHezekile wabona umbono wamazulu ‘onjengokukhanya okuqaqambileyo’ ukanti yena uDaniyeli wabona ‘umsinga womlilo.’ (Hezekile 1:26-28; Daniyeli 7:9, 10) Izulu lingcwele okanye licocekile yaye lihle.INdumiso 96:6; Isaya 63:15; ISityhilelo 4:2, 3.

Indlela iBhayibhile elichaza ngayo izulu iyamangalisa. (Hezekile 43:2, 3) Ekubeni ummandla womoya ungaphaya kwamandla ethu, akunakwenzeka ngabantu ukukuqonda ngokupheleleyo oko kwenzeka ezulwini.

^ isiqe. 3 ICyclopedia kaMcClintock noStrong ithi, amazulu amatsha akuIsaya 65:17 amela “urhulumente omtsha, ubukumkani obutsha.”—Umqulu IV, iphepha 122.

^ isiqe. 9 Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi izulu lithetha “ukuphakama.” (IMizekeliso 25:3) Jonga iThe New Brown, Driver, and Briggs Hebrew and English Lexicon of the Old Testament, iphepha 1029.