Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?

Ngaba UThixo Ukho Kuyo Yonke Indawo?

Impendulo esuka eBhayibhileni

UThixo uyakwazi ukubona zonke izinto nokwenza oko athanda ukukwenza naphi na. (IMizekeliso 15:3; Hebhere 4:13) Sekunjalo, iBhayibhile ayifundisi ukuba uThixo ukho kuyo yonke indawo, nakuzo zonke izinto. Endaweni yoko, ibonisa ukuba uThixo ungumntu ibe unendawo ahlala kuyo.

  • Unjani uThixo?: UThixo ungumoya. (Yohane 4:24) Abantu abakwazi ukumbona. (Yohane 1:18) Imibono engoThixo echazwe eBhayibhileni isoloko imbonisa ekwindawo ahlala kuyo. Akaze aboniswe ekwindawo yonke.​—Isaya 6:1, 2; ISityhilelo 4:2, 3, 8.

  • Indawo uThixo ahlala kuyo: UThixo uhlala kwindawo engabonakaliyo, “emazulwini.” (1 Kumkani 8:​30) IBhayibhile isichazela ngexesha xa izidalwa zomoya ‘zangena ukuze zime ezindaweni zazo phambi koYehova.’ * Oko kubonisa ukuba uThixo uneyakhe indawo yokuhlala ezulwini.​—Yobhi 1:6.

Ukuba uThixo akekho kwindawo yonke, ngaba undikhathalele?

Ewe. UThixo ukhathalele ngamnye wethu. Nangona ehlala ezulwini, uyababona abantu abasemhlabeni abakufuna nyhani ukwenza ukuthanda kwakhe, aze abancede. (1 Kumkani 8:​39; 2 Kronike 16:9) Cinga ngeendlela uYehova abonisa ngazo ukuba ubakhathalele abakhonzi bakhe:

  • Xa uthandaza: UYehova ukuva kanye ngaloo mzuzu uthandaza ngawo.​—2 Kronike 18:31.

  • Xa ukhathazeke kakhulu: “UYehova usondele kwabo baphuke intliziyo, yaye abo bamoya utyumkileyo uyabasindisa.”​—INdumiso 34:18.

  • Xa udinga ukhokelo: UYehova ‘uya kukuqiqisa, akuyalele’ esebenzisa ilizwi lakhe iBhayibhile.​—INdumiso 32:8.

Izinto ezingachananga ngokubakho kukaThixo kwindawo yonke

Into engachananga: UThixo ukho kwindalo yonke.

Inyaniso: UThixo akahlali emhlabeni, okanye nakweyiphi na enye indawo esinokuyibona. (1 Kumkani 8:​27) Yinyaniso ukuba iinkwenkwezi nayo yonke indalo ‘ivakalisa uzuko lukaThixo.’ (INdumiso 19:1) Sekunjalo, uThixo akahlali kwizinto azidalileyo kanye njengokuba umzobi engahlali kwimifanekiso ayenzileyo. Kodwa loo mifanekiso inokusichazela okuthile ngomzobi. Ngokufanayo, indalo esiyibonayo isichazela ngeempawu zoMdali “ezingabonakaliyo,” njengamandla, ubulumko nothando.​—Roma 1:20.

Into engachananga: UThixo umele abe kwindawo yonke ukuze azazi zonke izinto, nokuze enze nantoni na ayifunayo.

Inyaniso: Umoya oyingcwele kaThixo ngamandla akhe awasebenzisayo. Esebenzisa lo moya, uyakwazi ukubona nokwenza nantoni na, noba kuphi okanye kunini, kungakhange kufuneke aye ngokwakhe.​—INdumiso 139:7.

Into engachananga: INdumiso 139:8 ifundisa ukuba uThixo ukho kwindawo yonke xa isithi: “Ukuba ndinganyukela ezulwini, ubuya kuba lapho, nokuba ndingandlala isingqengqelo sam eShiyol, khangela! ubuya kuba lapho.”

Inyaniso: Esi sibhalo asithethi ngendawo ahlala kuyo uThixo. Kodwa ngendlela ebongayo, sifundisa ukuba akukho ndawo angenakukwazi ukufikelela kuyo ukuze asincede.

^ isiqe. 5 UYehova ligama likaThixo elichazwe eBhayibhileni.