Yiya kwinkcazelo

Ukuphila Nesifo Esinganyangekiyo—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda?

Ukuphila Nesifo Esinganyangekiyo—Ngaba IBhayibhile Ingakunceda?

Impendulo yeBhayibhile

Ewe. UThixo ubakhathalele abakhonzi bakhe abagulayo. IBhayibhile ithi ngomkhonzi othembekileyo: “UYehova uya kumxhasa emandlalweni wokugula.” (INdumiso 41:3) Ukuba unesifo esinganyangekiyo, ezi zinto zintathu ziya kukunceda unyamezele:

  1. Thandazela amandla okunyamezela. Unokufumana “uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda” olunokuthomalalisa ixhala luze lukulondoloze.—Filipi 4:6, 7.

  2. Yiba nembono entle. IBhayibhile ithi: “Umntu onentliziyo echwayitileyo uba nempilo; kanti ke wona umoya odakumbileyo uyimpehla emathanjeni.” (IMizekeliso 17:22, IBhayibhile YesiXhosa Yowe-1996) Yenza izinto ezikonwabisayo kuba ukwenjenjalo kukubangela ube bhetele.

  3. Jonga phambili kwikamva. Ukungagungqi kwithemba onalo kunokukunceda wonwabe nangona unesifo esinganyangekiyo. (Roma 12:12) IBhayibhile ithi kuza ixesha apho ‘kungekho ummi wakhona oya kuthi: “Ndiyagula.”’ (Isaya 33:24) Ngelo xesha uThixo uya kubaphilisa abantu kwizigulo ezinganyangekiyo. Ngokomzekelo, iBhayibhile ikuchaza ngale ndlela ukupheliswa kokwaluphala: “Inyama yakhe mayihlaziyeke ngakumbi kunasebutsheni; makabuyele emihleni yamandla obutsha bakhe.”—Yobhi 33:25.

Phawula: Nangona amaNgqina kaYehova elufumana uncedo oluvela kuThixo, ayaya koogqirha xa enezifo ezinganyangekiyo. (Marko 2:17) Noko ke, asikhuthazi uhlobo oluthile lwamayeza; sivakalelwa kukuba umntu ufanele azenzele esakhe isigqibo ngonyango.