Yiya kwinkcazelo

Ngaba UBukumkani BukaThixo Busentliziyweni Yakho?

Ngaba UBukumkani BukaThixo Busentliziyweni Yakho?

Impendulo esuka eBhayibhileni

Akunjalo, uBukumkani bukaThixo abukho sezintliziyweni zamaKristu. a IBhayibhile ichaza eyona ndawo bukuyo xa isithi, “ubukumkani bamazulu.” (Mateyu 4:17) Makhe sibone indlela iBhayibhile ebuchaza ngayo njengorhulumente wokwenene olawula esezulwini.

IBhayibhile ayifundisi ukuba uBukumkani bamazulu busentliziyweni yakho ngokungathi bulawula khona. Kunoko ibonisa ukuba “ilizwi lobukumkani” okanye ‘iindaba ezilungileyo zoBukumkani’ zimele zichaphazele iintliziyo zethu.—Mateyu 13:19; 24:14.

Athetha ukuthini amazwi athi “ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu”?

Ngenxa yamazwi akuLuka 17:21 akwezinye iinguqulelo zeBhayibhile, abanye abantu baye babhideka ngendawo obukuyo uBukumkani. Ngokomzekelo, iBhayibhile YesiXhosa Ka-1990 ithi, “ubukumkani bukaThixo bungaphakathi kwenu.” Ukuze siyiqonde kakuhle le vesi, kufuneka sijonge ukuba kuthethwa ngantoni.

UBukumkani bukaThixo babungekho sezintliziyweni ezilukhuni nezikhohlakeleyo zabachasi bakaYesu

UYesu wayethetha nabaFarisi, iqela leenkokeli zonqulo ezazimchasa nezazinenxaxheba ekubulaweni kwakhe. (Mateyu 12:14; Luka 17:20) Ngaba kusengqiqweni ukucinga ukuba uBukumkani yinto eyayisezintliziyweni zabo ezilukhuni? UYesu wathi kubo: “Ngaphakathi nizele luhanahaniso nokuchas’ umthetho.”—Mateyu 23:27, 28.

Ezinye iinguqulelo ziwachaza kakuhle amazwi kaYesu akuLuka 17:21 ngokuthi: “Ulawulo lukaThixo seluthwasile.” (Akekeliswe sithi; iBhayibhile YesiXhosa Ka-1996) Enye inguqulelo ithi: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.” (INguqulelo Yehlabathi Elitsha) UBukumkani bamazulu ‘babukunye’ okanye “buphakathi” kwabaFarisi, ngendlela yokuba uYesu omiselwe nguThixo njengoKumkani wayemi phambi kwabo.—Luka 1:32, 33.

a Iicawa ezininzi zamaKristu zifundisa ukuba uBukumkani bukaThixo bungaphakathi emntwini okanye entliziyweni. Ngokomzekelo, eUnited States, kwiNdibano yamaBhaptizi aseMazantsi kwathiwa, uBukumkani bukaThixo “kukulawula kukaThixo entliziyweni nasebomini bomntu.” Kwincwadi yakhe ethi Jesus of Nazareth, uPopu uBenedict XVI wathi: “UBukumkani bukaThixo bubonakala entliziyweni yomntu.”