Yiya kwinkcazelo

Kwakutheni Ukuze AmaYuda Abulawe Ngenkohlakalo? Kwakutheni Ukuze UThixo Angakuyekisi?

Kwakutheni Ukuze AmaYuda Abulawe Ngenkohlakalo? Kwakutheni Ukuze UThixo Angakuyekisi?

Abantu abaninzi ababuza le mibuzo baye basentlungwini yokulahlekelwa ngabantu babo yaye abafuni iimpendulo nje kuphela kodwa nentuthuzelo. Abanye bathi abukho ububi babantu obodlula obu Bokubulawa KwamaYuda Ngenkohlakalo, yaye ngenxa yoko kunzima ukuba bakholelwe kuThixo.

Into eqhele ukuthethwa ngoThixo Nokubulawa KwamaYuda Ngenkohlakalo

Ubuxoki: Akulunganga ukubuza isizathu sokuba uThixo avumele ukuba AmaYuda Abulawe Ngenkohlakalo.

Inyaniso: Abantu abanokholo baye babuza isizathu sokuba uThixo avumele ubungendawo. Ngokomzekelo, umprofeti uHabhakuki wabuza uThixo esithi: “Kutheni uvumela ugonyamelo, izenzo ezingekho mthethweni, ulwaphulo-mthetho nenkohlakalo zizalise ihlabathi?” (Habhakuki 1:3, iContemporary English Version) Kunokuba amkhalimele uHabhakuki, uThixo wabuza imibuzo eseBhayibhileni ukuze sonke sifunde.

Ubuxoki: UThixo akakukhathalelanga ukubandezeleka kwabantu.

Inyaniso: UThixo ubuthiyile ubungendawo nokubandezeleka okubangelwa bubo. (IMizekeliso 6:16-19) Ngemihla kaNowa, “yaba buhlungu intliziyo” kaThixo ngenxa yogonyamelo oluzalise umhlaba. (Genesis 6:5, 6) Ngokuqinisekileyo intliziyo kaThixo yaba lihlwili xa kwakuBulawa AmaYuda Ngenkohlakalo.—Malaki 3:6.

Ubuxoki: UkuBulawa KwamaYuda Ngenkohlakalo yayisisohlwayo esivela kuThixo.

Inyaniso: UThixo wayeka iYerusalem yatshatyalaliswa ngamaRoma ngenkulungwane yokuqala. (Mateyu 23:37–24:2) Noko ke, ukususela ngoko, uThixo akazange aphinde athande uhlanga oluthile kunolunye. KuThixo, “akukho mahluko phakathi komYuda noweeNtlanga.”—Roma 10:12, iGood News Translation.

Ubuxoki: Ukuba kukho uThixo onothando nonamandla, ngewayengazange akuvumele ukuBulawa KwamaYuda Ngenkohlakalo.

Inyaniso: Nangona ingengoThixo obangela ukubandezeleka kwabantu, ngamanye amaxesha uyakuvumela ukuba kwenzeke okwethutyana.—Yakobi 1:13; 5:11.

Kwakutheni ukuze uThixo avumele Ukubulawa KwamaYuda Ngenkohlakalo?

UThixo wawavumela ukuba abulawe ngesizathu esifanayo neso sokuvumela kwakhe ubungendawo: ukuzinzisa imbambano eyaphakanyiswa kude kudala. IBhayibhile iyicacisa kakuhle into yokuba ngoku ihlabathi alilawulwa nguThixo, lilawulwa nguMtyholi. (Luka 4:1, 2, 6; Yohane 12:31) Nangona inqaku elihamba nalo mxholo linazo zonke izibakala ngesizathu sokuba uThixo avumele ukubandezeleka, ziinyaniso zeBhayibhile ezimbini ezisisiseko ezisicacisa ngokupheleleyo isizathu sokuba uThixo wavumela ukuba amaYuda abulawe.

  1. Yinkululeko yokuzikhethela kabani eyabangela ukuba amaYuda abulawe? UThixo waxelela abantu bokuqala, uAdam noEva, into alindele ukuba bayenze, kodwa akazange abanyanzele ukuba bamthobele. Bakhetha ukuzigqibela ngokulungileyo nokubi, yaye ukhetho lwabo olubi—nokhetho olufanayo olwenziwa ngabantu ukutyhubela imbali—luye lwanemiphumo emasikizi kuluntu. (Genesis 2:17; 3:6; Roma 5:12) Kunjengokuba incwadi ethi Statement of Principles of Conservative Judaism isitsho: “Izinto ezininzi ezibangela ukuba abantu babandezeleke zibangelwa kukuyisebenzisa kwethu kakubi inkululeko esiyinikiweyo yokuzikhethela.” Kunokuba aphelise inkululeko esinayo yokuzikhethela, uThixo unike abantu ixesha lokuba bazame ukusingatha imicimbi yabo ngaphandle kwakhe.

  2. UThixo unako yaye uya kuwuphelisa wonke umonakalo wokubulawa kwabantu ngenkohlakalo. UThixo uthembisa ukuba uya kuvusa izigidi zabantu abafayo, kuquka naloo maYuda abulawa ngenkohlakalo. Uya kuphelisa nentlungu ebangelwa ziinkumbulo ezimbi zabo basinda ekubulaweni. (Isaya 65:17; IZenzo 24:15) Indlela uThixo aluthanda ngayo uluntu iqinisekisa ukuba uya kuzizalisekisa ezi zithembiso.—Yohane 3:16.

Abo bachaphazelekayo kule nkohlakalo baye balugcina ukholo lwabo baza bafumana intsingiselo yobomi ngokwazi isizathu sokuba uThixo evumele ubungendawo nendlela aza kuyiphelisa ngayo imiphumo.