IsiXhosa
Amacebiso Ngobomi
https://cms-imgp.jw-cdn.org/img/p/1011746/univ/wpub/1011746_univ_sqr_xl.jpg

Amacebiso Ngobomi

Funda ngeempawu nezinto onokuzenza ukuze ukhule uzenza kakuhle izinto.

Controlling Emotions

Ndingahlala Njani Ndonwabile?

Ukonwaba nokuziva uphantsi yinto eqhelekileyo kulutsha, kodwa abaninzi baye bangazi ukuba kwenzeka ntoni. Into emnandi kukuba usenokusazi isizathu sokuba uzive ngolu hlobo uze ufunde nento onokuyenza xa unale ngxaki.

Unokukwazi Ukuzibamba

Eli phepha libhalelwe ukukunceda kwingxaki onayo yokuthi wonwabile uphinde uzibone ungonwabanga.

Unokuyeka Ukukhathazeka Uze Wonwabe

Yintoni onokuyenza ukuba usoloko ukhathazekile?

Ndingenza Njani Ukuze Ndingacingi Ngezinto Ezikhathazayo?

Unokukwazi ukucinga ngezinto ezintle xa usenza ngale ndlela kucetyiswa ngayo apha.

Ndingawulawula Njani Umsindo?

Izibhalo ezintlanu ezinokukunceda uhlale uzolile xa ucatshukisiwe.

Indlela Yokulawula Umsindo

Iindlela ezintlanu ezisekelwe eBhayibhileni ezinokukunceda ulawule umsindo.

Ndingajamelana Njani Nexhala?

Amacebiso amathandathu anokukunceda ukwazi ukuhlangabezana nexhala.

Ndinokuyinyamezela Njani Intlungu Yokuswelekelwa?

Kuthatha ixesha ukuba ngcono kwentlungu emva kokuswelekelwa. Jonga amacebiso akweli nqaku ubone ukuba ngawaphi anokukukunceda

Ndingamelana Njani Nentlungu?

Ulutsha lubalisa ngento eye yalunceda lwanyamezela.

Ndingakwazi Njani Ukuzibamba Xa Ndilingwa?

Jonga izinto ezintathu ezinokukunceda uzibambe xa ulingwa.

Indlela Yokuxhathisa Izilingo

Ukukwazi ukuxhathisa izilingo kuluphawu lwamadoda namabhinqa okwenyani. Amacebiso amathandathu anokukunceda uqhubeke usenza okulungileyo nokumelana nestres esibangelwa kukunikezela.

Time and Money

Ndingalisebenzisa Kakuhle Njani Ixesha Lam?

Amacebiso ayi-5 akuncedayo ukuba ulisebenzise kakuhle ixesha lakho.

Ndingenza Njani Ukuze Ndingadinwa Kakhulu?

Yintoni ebangela udinwe kakhulu? Ngaba wenza izinto eziza kubangela ukuba udinwe kakhulu? Ukuba kunjalo, ziintoni onokuzenza?

Ndinokuyeka Njani Ukuzibekela Amangomso Izinto?

Funda ngamacebiso endlela yokuyeka ukuzibekel’ amangomso izinto!

Bathini Oontanga Bakho Ngokuzibekela Amangomso Izinto

Funda ukuba olunye ulutsha luthi ziziphi iingxaki ezibangelwa kukuzilazila, kunye neengenelo zokulisebenzisa kakuhle ixesha.

Ulutsha Luthetha Ngemali

Fumana amacebiso endlela yokugcina imali, ngendlela yokuyisebenzisa nokuba imali ibe kwindawo yayo.

Ndinokwenza Njani Ukuze Ndingayisebenzisi Kakhulu Imali?

Ngaba ukhe waya evenkileni uye kubuka kodwa wabuya uthenge into eduru? Ukuba kunjalo, eli nqaku libhalelwe wena.

Ukuyisebenzisa Kakuhle Imali Yakho

Sebenzisa eli phepha unokubhala kulo ukuze ubone izinto ozidingayo nongazidingiyo nendlela ezingena ngayo kwibhajethi yakho.

Indlela Yokuyisebenzisa Kakuhle Imali

Yisebenzise kakuhle imali ukuze ikuncede ngenye imini!

Personal Development

Ndingazilungisa Njani Iimpazamo Zam?

Bonke abantu bayazenza iimpazamo kodwa ayingabo bonke abafundayo kuzo.

Ukujongana Neempazamo Zakho

Eli phepha lokubhala linokukunceda ujongane neempazamo zakho.

Ndenze Njani Xa Ndilungiswa?

Abanye abantu abasebatsha kuthiwa banochuku, kuba bakhawuleza bacaphuke xa belungiswa nokuba kungento encinci. Unjalo nawe?

Unokukwamkela Njani Ukulungiswa?

Icebiso okanye isiluleko esibuhlungu sinokukunceda njani?

Kutheni Ufanele Ube Nenyani?

Ngaba ukuze izinto zikuhambele kakuhle kufuneka uxoke? Khawujonge ukuba kunceda njani ukuba nenyani.

Kutheni Ndifanele Ndinyaniseke?

Ngaba abantu abanganyanisekanga bayaphumelela?

Unyaniseke Kangakanani?

Zihlole ngezi nxalenye zintathu.

Uza Kuthini Xa Izinto Zitshintsha

Asinakulubaleka utshintsho. Khawubone ukuba abanye benze ntoni xa bekuvela utshintsho.

Ndinokuthenjwa Kangakanani?

Olunye ulutsha lunikwa inkululeko engakumbi kunolunye. Yintoni ebangela kube njalo?

Ndikwazi kangakanani ukunyamezela?

Kuba sonke singenakuziphepha iingxaki, kubalulekile ukuba ufunde ukunyamezela, nokuba iingxaki zakho zinkulu okanye zincinci kangakanani.

Yintoni Enokundinceda Ukuze Ndingaphazamiseki?

Phawula iimeko ezintathu ezinokubangela iteknoloji ikuphazamise nento onokuyenza ukuze ingenzeki loo nto.

Xa Kufuneka Ubuyele Ekhaya

Ngaba wakhe wemka ekhaya wazama ukuzihlalela, waza wabethwa yimeko yezoqoqosho? Nanga amacebiso aluncedo anokukunceda.

Social Life

Ndingenza njani ukuze ndiyeke ukuba neentloni?

Ungaphoswa kukuba neetshomi nezinto onokuzifumana kuzo.

Ndingenza Ntoni Ukuba Abanye Abandamkeli?

Ngaba kubalulekile ukwamkelwa ngabantu abangafaniyo nabaphila ngendlela engafaniyo neyam, okanye kukuba ngulomntu ndinguye?

Ndingayiphucula Njani Indlela Endithetha Ngayo Nabantu?

Amacebiso amathathu anokukunceda uqalise incoko uze uyiqhube.

Umele Ubajonge Njani Abantu Abadala?

Jonga indlela ekunokukunceda ngayo ukuba ngumhlobo nabantu abadala.

Ngaba Kubalulekile Ukuba Nembeko?

Ngaba ukuba nembeko kuphelelwe lixesha okanye kubalulekile namhlanje?

Kutheni Ndisoloko Ndithetha Kakubi?

Leliphi icebiso eliza kukunceda ucinge ngaphambi kokuba uthethe?

Kutheni Ndimele Ndibancede Abanye?

Ukwenzela abanye izinto ezintle kukunceda ubuncinane ngeendlela ezimbini. Ziziphi ezo ndlela?

Indlela Endiceba Ukubanceda Ngayo Abanye

Abantu onokubanceda abakudanga. Le worksheet ineendlela ezintathu zokunceda abantu abasweleyo.

Ndenze Ntoni Xa Ndihletywa?

Yintoni onokuyenza xa uhletywa ukuze igama lakho lingangcoliswa?

Ndingenza Njani Xa Umhlobo Wam Endikhathazile?

Kufuneka uyazi ukuba bonke abahlobo baba nazo iingxaki. Kodwa unokwenza ntoni xa umhlobo wakho esenza okanye ethetha into ekukhathazayo?

Ndiza Kwenza Ntoni Xa Ndihlutshwa Ngabanye?

Uninzi lwabantu abahlupha abanye luziva lungeloncedo. Eli nqaku lichaza into enokwenziwa ukuze kulungiswe le ngxaki.

Ndingamelana Njani Nokuntlontwa?

Umntu okuphatha kabuhlungu usenokungamenzi atshintshe, kodwa ungakwazi ukutshintsha indlela ozenza ngayo izinto.

Indlela Yokoyisa Umntu Okuntlontayo Ungakhange Umbethe

Funda ukuba kutheni kukho abantu abantlonta abanye nendlela yokuyilwa ngokuphumelelayo le ngxaki.