Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

ULUTSHA LUYABUZA

Ndingakukhuthalela Njani Ukujima?

Ndingakukhuthalela Njani Ukujima?

IBhayibhile ithi: “Ingqeqesho yomzimba iyingenelo.” (1 Timoti 4:8) Kubonakala ngathi xa abantu abaninzi besithi “ndifun’ ukujima,” bahambisa nje incoko.

  • “Baninzi abantwana ababengakwazi ukujima esikolweni. Kodwa ukujima yayiyeyona nto yayilula kwezazisenziwa!”—URichard, oneminyaka eyi-21.

  • “Abanye bathi, ‘Kutheni uchitha ixesha ngokubaleka, ubile ude udinwe, ngoxa unokuzihlalela endlini udlale umdlalo wevidiyo oza kukwenza ucinge ukuba nguwe obalekayo?’”—URuth, ona-22.

Ukuba nawe ucinga ngale ndlela, nazi izizathu ezintathu ezibangela ukujima kube luncedo.

Okoku1. Ukujima komeleza umzimba wakho ukwazi ukulwa izigulo. URachel ona-19 uthi: “UTata wayesoloko esithi, ‘ukuba akuzenzeli xesha lakujima, uza kusuka ugule.’

Okwesi-2. Ukujima kubangela umzimba wakho ukhuphe imichiza eya engqondweni ebangela ukuba uzole. UEmily ona-16 uthi: “Ukubaleka kukubangela uphole aph’ entloko. Umzimba wam uba khaphukhaphu.

Okwesi-3. Ukujima kukwenza wonwabe. URuth uthi: “Ndiyakuthanda ukuba phandle, ngoko xa ndijima ndiye ndinyuk’ iintaba, ndiqubhe, ndikhwele nebhayisekile.

Ukuze Uphumelele: Jima imizuzu eyi-20 kathathu ngeveki.

Khumbula: Nangona imfuza idlala eyayo indima, indlela okhangeleka ngayo ikwabangelwa yindlela ophila ngayo. Ngoko xa usithi “ndifun’ ukujima,” isigqibo sesakho, yenza into ngaloo mazwi!