I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

APRILI 13, 2016
ERASHIYA

Abasemagunyeni BaseRashiya Baqinisa Iinzame Zabo Zokuphelisa Umsebenzi WamaNgqina Osemthethweni

Abasemagunyeni BaseRashiya Baqinisa Iinzame Zabo Zokuphelisa Umsebenzi WamaNgqina Osemthethweni

Kwimimandla eliqela yaseRashiya, abasemagunyeni bayaqhubeka nokutyhola amaNgqina kaYehova ngelithi unqulo lwawo luyingozi.

  • ETyumen, Kummandla WaseTyumen. Iofisi yomtshutshisi ityhole iNgqina elililungu Lombutho Wonqulo eTyumen (iLRO) ngokuhambisa iincwadi ekuthiwa ziyingozi. Emva kokuba eli Ngqina livalelwe, umtshutshisi uye wafuna ukuba umbutho iLRO upheliswe. iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya iza kusingatha lo mcimbi ngoAprili 14, 2016.

  • E-Elista, IRiphabliki YaseKalmykia. Umphathi wamapolisa asekuhlaleni uyalele ukuba kwenziwe uphengululo kwiHolo YoBukumkani yamaNgqina e-Elista ibe athe afumene uncwadi lwamaNgqina olukuludwe loncwadi ekuthiwa luyingozi. Esebenzisa uncwadi ekuthiwe lufunyenwe xa bekuphengululwa, umtshutshisi weRiphabliki yaseKalmykia ufake isicelo sokuba upheliswe ngokusemthethweni umsebenzi wamaNgqina e-Elista. Eli tyala liseza kusingathwa yiNkundla Ephakamileyo yaseRashiya.

  • Amatyala okupheliswa kweLRO, kuquka lawo aseStariy Oskol naseBelgorod, nawo kulindeleke ukuba asingathwe yiNkundla Ephakamileyo yaseRashiya.