Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

APRILI 5, 2017
ERASHIYA

INkundla Ephakamileyo Iqhubeka Netyala Lokuvala AmaNgqina KaYehova AseRashiya

INkundla Ephakamileyo Iqhubeka Netyala Lokuvala AmaNgqina KaYehova AseRashiya

INkundla Ephakamileyo yaseRashiya ithe ityala liza kuphinda lixoxwe emva kokuhlola izinto ezithethiweyo nezibhaliweyo eziphikisanayo nokuvalwa kwamaNgqina KaYehova. Isibheno esifakwe liSebe Lezobulungisa sifuna ukuba “iZiko Lolawulo lamaNgqina KaYehova livalwe kuba liyingozi.” Ityala liza kuphinda lixoxwe ngoAprili 6, 2017, ngo-2:00 emva kwemini.

UMark Sanderson, olilungu leQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova obekhona ngoxa bekuxoxwa ityala uthe: “Iyabhida into yokuba iNkundla Ephakamileyo izikhabe izinto ezininzi ezibhalwe liZiko Lolawulo ezithethelela amaNgqina. Abameli abaninzi nabombutho wamalungelo abantu bebekhona ngoxa bekuxoxwa eli tyala. Ihlabathi lonke lilijongile eli tyala.”