I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 11, 2014
ERASHIYA

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Iqhubeka Netyala LamaNgqina KaYehova AseSamara

INkundla Ephakamileyo YaseRashiya Iqhubeka Netyala LamaNgqina KaYehova AseSamara

NgoNovemba 12, 2014, iNkundla Ephakamileyo yaseRashiya yathathis’ apho ibiyeke khona kwityala lamaNgqina kaYehova aseSamara. Eli tyala liqale ngo-Oktobha 8. Oonondaba, iindwalutho zamanye amazwe, amagqwetha namanye amaNgqina ayimisa ngeembambo le Nkundla eze kuphulaphula. Emva kokuba kudityaniswe iintloko iNkundla yanqunyanyiswa.

UVasiliy Kalin oligqwetha lamaNgqina kaYehova eRashiya wathi: “Sinqwenela ukuba le Nkundla ihloniphekileyo yaseRashiya igwebe kakuhle ize ibonise ukuba ayiwujongeli phantsi umgaqo-siseko weli lizwe kunye nolawulo lwedemokhrasi ngokuba izibethe phantsi izimangalo zomtshutshisi.” AmaNgqina kaYehova anethemba lokuba le Nkundla iza kukwazi ukukhusela inkululeko yawo yonqulo njengokuba elo ililungelo lawo elibhalwe ngokucacileyo kumgaqo-siseko waseRashiya.