I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

JULAYI 21, 2015
ERASHIYA

Abasemagunyeni Abajongene Nezinto Ezingenayo Neziphumayo Abazivumeli IiBhayibhile Ukuba Zingeniswe ERashiya

Abasemagunyeni Abajongene Nezinto Ezingenayo Neziphumayo Abazivumeli IiBhayibhile Ukuba Zingeniswe ERashiya

NgoJulayi 14, 2015, abasemagunyeni baseRashiya abajongene nezinto ezingenayo neziphumayo benza into abangazange bayenza ngaphambili ngokuthi bangawavumeli amaNgqina kaYehova ukuba angenise INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele epapashwe ngamaNgqina ngolwimi lwaseRashiya. Ukususela ngoMatshi 2015, abaphathi baseRashiya abawavumeli amaNgqina ukuba angenise iincwadi zawo nangona kuzo kungekho nanye edweliswe kwizinto eziyingozi eRashiya. Ukungavunyelwa kokuba bangenise iincwadi kuquka nokuvalwa kwewebhsayithi ethi, www.jw.org, kuthetha ukuba zonke iincwadi zamaNgqina kaYehova, eziprintiweyo neze-elektroniki azivumelekanga ukuba zingene kwelo lizwe.