Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

MEYI 19, 2015
EAZERBAIJAN

IAzerbaijan Yandisa Ixesha Lokuvalela Ngokungekho Mthethweni Amabhinqa Amabini

IAzerbaijan Yandisa Ixesha Lokuvalela Ngokungekho Mthethweni Amabhinqa Amabini

ISebe Lezokhuseleko Lwelizwe laseAzerbaijan landise ixesha lokuvalelwa kwamaNgqina kaYehova amabini, uIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova ngaphambi kokuba lixoxwe ityala. NgoFebruwari 17, 2015, eli sebe lafaka isimangalo solwaphulo mthetho sokusasaza iincwadi ezithetha ngeBhayibhile ngaphandle ngokufumana imvume laza labamba la mabhinqa. NgoMeyi 7, 2015, iNkundla yeNqila yaseSabail yavuma ukubagcina eluvalelweni de kube ngoJulayi 17. Inkundla yazichitha zonke iinzame zokuba aba bagwetyelwe ukuhlala emakhaya kunokuba bagcinwe entolongweni. Amagqwetha alamaNgqina abhena ngesi sigwebo singekho mthethweni, aza athi anexhala ngempilo ntle yawo yengqondo, yeemvakalelo neyasemzimbeni. Abasemagunyeni baqhubeka bencina amanye amaNgqina.