I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

SEPTEMBA 14, 2015
EAZERBAIJAN

IAzerbaijan Yandisa Kwakhona Ukuvalelwa KukaIrina Zakharchenko NoValida Jabrayilova

IAzerbaijan Yandisa Kwakhona Ukuvalelwa KukaIrina Zakharchenko NoValida Jabrayilova

NgoSeptemba 4, 2015 yaba kokwesithathu iNkundla yeNqila yaseSabail isamkela isicelo somtshutshi sokwandisa ixesha lokuvalelwa kwamaNgqina kaYehova amabini, uIrina Zakharchenko noValida Jabrayilova ngaphambi kokuba lixoxwe ityala. La mabhinqa aza kuhlala entolongweni de kube ngoDisemba 17, 2015.

Le ngxaki yalamabhinqa yaqalisa ngokubanjwa nokuvalelwa kwawo lingekaxoxwa ityala ngoFebruwari 17, 2015, ngesityholo sokusasaza iincwadi zonqulo ngokungekho mthethweni. Sele izinyanga ezilishumi evalelwe ngoku yaye izihlobo, iintsapho kunye namaNgqina kaYehova ehlabathini lonke axhalabele impilo-ntle yawo. Abasemagunyeni bamele basiyeke esi senzo singalunganga, bawakhulule ngokukhawuleza.