I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

SEPTEMBA 14, 2016
ETURKMENISTAN

Abasemagunyeni EAshgabad Bavalela UMansur Masharipov Ngezityholo Ezibubuxoki

Abasemagunyeni EAshgabad Bavalela UMansur Masharipov Ngezityholo Ezibubuxoki

NgoJuni 30, 2016, amapolisa aqinisekisa ukuba kuthotyelwa umthetho, abamba uMansur Masharipov kwisixeko saseAshgabad, eTurkmenistan. Ukususela kwihlobo lango-2014 la mapolisa ebemkhangela kuba esenza umsebenzi wonqulo njengeNgqina LikaYehova. UMnumzana Masharipov, oneminyaka eyi-32, watyholwa ngokubetha ipolisa nangona yayilipolisa elalimndlandlathekisa. UMnumzana Masharipov, ebekade enyamezele ukuxhatshazwa nokungcungcuthekiswa kuba nje esenza umsebenzi wonqulo. NgoAgasti 18, 2016, inkundla yaseTurkmenistan yamgweba unyaka esentolongweni. UMnumzana Masharipov, wabhena.