I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

NOVEMBA 13, 2014
ETURKMENISTAN

ITurkmenistan Ikhulula AmaNgqina KaYehova Avalelwe Ngenxa Yokholo Lwawo

ITurkmenistan Ikhulula AmaNgqina KaYehova Avalelwe Ngenxa Yokholo Lwawo

Umongameli waseTurkmenistan, uGurbanguly Berdimuhamedov, ukhulule amaNgqina kaYehova asibhozo ebevalelwe ngenxa yokholo lwawo. Ayephakathi kwamanye amabanjwa akhululwa ngo-Oktobha 22, 2014. KumaNgqina amathandathu ayevalelwe ngenxa yokungayi emkhosini, amabini ayevalelwe ngezityholo zobuxoki.

UMerdan Amanov noPavel Paymov

Ifoto engasentla (ukususela ekhohlo ukuya ngasekunene): UAibek Salayev, uMatkarim Aminov noBahram Shamuradov

La maNgqina ngabafana abaphakathi kweminyaka eyi-18 ukuya kweyi-23, bebevalelwe kwintolongo eseSeydi esemagqagaleni aseTurkmen. UMerdan Amanov, uPavel Paymov, uSuhrab Rahmanberdyyev, noAmirlan Tolkachev bebevalelwe kwintolongo eqhelekileyo. UMatkarim Aminov noDovran Matyakubov (abekho emfanekisweni) batsala nzima kwenye intolongo ngenxa yokuba kusithiwa ziinjubaqa. Ngoxa besentolongweni, aba bafana babephethwe kakubi.

AmaNgqina amabini awayevalelwe ngenxa yezityholo zobuxoki, uAibek Salayev ona-35 noBahram Shamuradov ona-42 bavalelwa kwintolongo eseSeydi. Bobabini bathothoza iminyaka emine ngenxa yeenkolelo zabo nonqulo lwabo. Ukongezelela ekuvelelweni kwabo bengenatyala, baphathwa kabuhlungu.

UAmirlan Tolkachev noSuhrab Rahmanberdyyev

Ekuphela kweNgqina elisavalelweyo eTurkmenistan nguRuslan Narkuliev. Wagwetywa kuba engazange avume ukuya emkhosini ngenxa yesazela sakhe ibe xa kwakukhululwa abanye igama lakhe alizange livele kuludwe lwamabanjwa ekufuneka akhululwe. Amagqwetha akhe asebenzela ekubeni akhululwe.

UMongameli uBerdimuhamedov wenza isigqibo esincomekayo ngokukhulula la madoda asibhozo ebevalelwe ngenxa yokholo lwawo. Amanye amaNgqina anqula ngokukhululekileyo anethemba lokuba kuza kubakho utshintsho eTurkmenistan, tshintsho olo oluza kwenza amaNgqina kaYehova angoyiki ukutshutshiswa okanye ukuvalelwa entolongweni.