NgoMatshi 22, 2014, amakhaya aseSnohomish County, eWashington, eUnited States aye agqunyelelwa ludaka. Abasemagunyeni beli bathi kukho abantu abamalunga nabayi-90 abangekafunyanwa ibe abayi-17 baswelekile. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eUnited States ithi kweli nani lingasentla, kukho udade omnye ongekafunyanwa. Esinye isibini esitshatileyo esingamaNgqina siswelekelwe yintombi nomzukulwana waso oyintombazana kule ntlekele. AmaNgqina amabini ekuye kwafuneka afuduke; kukho nekhaya lelinye iNgqina liye lawohloka. Abadala abangamaNgqina alo mmandla baqhubeka bexhasa baze bathuthuzele abo bathwaxwe yile ntlekele.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000