INkanyamba uWipha yahlasela unxweme olungasempuma yaseJapan ngo-Oktobha 16, 2013. Isiqithi esincinane iOshima, esikwiikhilomitha eziyi-120 kumantla weTokyo, yenye yeendawo ezihlaselwe ngamandla. Izantyalantyala zemvula ziye zabangela ukugcwala kwemilambo nokuwa komhlaba ovela ezintabeni, kwafa abantu abayi-35 ubuncinane. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eJapan iye yathi akukho mntu kwibandla laseOshima oye wonzakala okanye wafa. Ikhaya lenye intsapho yamaNgqina liye lawohlokelwa luphahla ibe amalungu ebandla aye ancedisa ekulilungiseni. AmaNgqina alapho aye anceda nabamelwane bawo.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EJapan: uShiro Hayasaki, tel +81 46 233 0005