AmaNgqina alungisa isilingi eyonakele kwindlu eseKoshi..

E-EBINA, eJapan—AmaNgqina KaYehova agqibe umsebenzi wokulungisa izindlu eziyi-348 zamanye amaNgqina alapho, ebezonakaliswe ziinyikima ebezintlithe iKumamoto, eJapan, ngoAprili 14 nangoApril 16, 2016. Amalunga ne-15 000 amavolontiya ancedise kulwakhiwo oluqale ngoJulayi 2016 lwaza lwaphela ngoMatshi 2017.

Nangona kungekho maNgqina aswelekileyo ngenxa yezi nyikima, amalunga ne-119 ashiye izindlu zawo. Ekuqaleni lawo ashiye izindlu zawo, agcinwe kwiiHolo zoBukumkani eziyi-15, iindawo akhonzela kuzo amaNgqina KaYehova, ngoxa amavolontiya ebesusa izinto ezonakeleyo kwezi zindlu.

Iqela elinabakhi abathandathu lifaka uphahla olutsha kwindlu eyonakaliswe yinyikima eChimachi.

Ekuqaleni kukaJulayi 25, 2016, abakhi abangamaNgqina balungise iintanda, balungisa phantsi, iindonga, uphahla, nemibhobho yamanzi kwezi zindlu zonakaliswe ziinyikima. Bafake namacango, iifestile noomatshini bokupholisa.

Abasebenzi abancedayo balungisa indlu eyonakeleyo eMashiki.

UMnumzan’ uMinoru Kono, owayesakuba ligosa lezoKhuseleko eJapan obebukele amaNgqina enceda emva kwentlekele uthe: “Umsebenzi wam ufuna uwenze ngongxamiseko ukuze ukwazi ukusindisa abantu. AmaNgqina KaYehova enze kanye loo nto emva kwenyikima yaseKumamoto, kuba akhawuleze awanceda amaxhoba ale nyikima. Into endimangalisileyo ngamaNgqina xa ebenceda kukuba, awazi kakuhle lo msebenzi yaye ngabakhi abangamachule aphuma kulo lonke elaseJapan ukuza kunceda. La mavolontiya azinikele kulo msebenzi ibe asebenza nzima.”

Amavolontiya olwakhiwo asusa uphahla olwaphukileyo ibe afaka olutsha eKikuchi.

INgqina lisa udaka oluza kusetyenziswa xa kusenziwa isiseko sendlu kwikhaya elonakeleyo eUki.

UIchiki Matsunaga, isithethi samaNgqina KaYehova eJapan, uthe: “Kwezi nyanga zimbalwa zidlulileyo, besibuhlungu ibe besisakha kunye namawaka amaxhoba enyikima yaseKumamoto. Uncedo esilufumene kubazalwana bethu emva kwentlekele lusithuthuzele ibe lusomelezile.”

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EJapan: UIchiki Matsunaga, +81-46-233-0005